Baza necebo lokunqanda ukutyiwa kwemali ngobuqhetseba kwiiATM

Nduduzo Satimburuua

Uluntu lungohlukana nokutyelwa imali ngobuqhetseba koomatshini bokukhupha imali iiATM ngamanye, xa iibhanki zeli zingathi zamkele icebiso elivela kumatyendyana amabini ephondo laKwaZulu Natal.

Oku kulandela emva kokuba abafana ababini baseThekwini abangabafundi uNduduzo Satimburuua (21), kwakunye noTabani Nkosi (18) bethe beza necebo lesixhobo esizakuthi sihlangule uluntu kule ngxaki yobeqhetseba bokutyelwa imali.

Esi sixhobo sizakuthi sincede ukunqanda ukuthathwa kwemali yabantu xa bekhupha imali yabo.

“Isixhobo esi sizakuthi siqokelele iinkcukacha zonke zomntu. Izaphuli mthetho zebhanki zizakulamba abanakuphinda bakwazi ukuba benze ubuqhophololo babo.

“Into emnandi yeyokuba isixhobo esi siza kulenza lime lingakwazi ukusebenza eli ikhadi lobuqhetseba,” utsho uSatimburuua.

“Ngaphambili izaphuli mthetho beziye ziqale ngokufaka ikhadi lazo lomgunyathi elizakuthi lithathe iinkcukacha zakho zonke xa ufike wafaka ikhadi elakho, wakugqiba uve kuthwa ikhadi lakho lityekile okanye kungaphumi imali.

“Kanti ngoku elo lomgunyathi lizakufika lime ngxi lingakwazi ukufumana inkcukacha zakho kwaye kungaphumi nemali yelo bayiqhelileyo yeyona njongo yesi sixhobo,” utshilo uSatimburuua.

Okwangoku esi sixhobo asikaqalisi ukusebenza kuba besafumana imiceli mngeni abadibana nayo efana nokuba iibhanki abanjongo ikusebenzisana nabo zingeka kwamkeli oku.

Uthi kwizicelo ababezifakile ezibhankini abakaphenduleki kungoko eliphulo lingekaqali. USatimburuua uthi okwangoku babona ukuba iibhanki azikaqiniseki ngeli phulo.

Uthi ezinye zenjongo bebefuna ukuza nento eyahlukileyo eMzantsi Afrika into engazange yabe iyaqalwa ukuhlangula uluntu lwelizwe loMzantsi Afrika.

abongile.ginya@inl.co.za