Bikwani: Ndiqinisekile, uzakuqhuba kakuhle uNhlakanipho

thobela Bikwani

Iqela lebhola elidlali kwaNational First Division, iTornado FC, lingaphulukana nomdlali walo ophambili.

UNhlakanipho Myezo uzakufumana ithuba elinqabileyo lokujongwa aphinde avavanywe yiOrlando Pirates edlala kwiAbsa Premiership.

Lo mdlali onamashumi amabini eminyaka unexesha elingaphaya kweminyaka emibini engumdlali ophambili kwiTornado FC phantsi kwesandla somqeqeshi ozimisele ukuvelisa abadlali kweli phondo, uThobela Bikwani.

Umqeqeshi wakhe uyazingca ngalo mdlali futhi uqinisekile ukuba uzakuqhuba kakuhle kolu vavanyo.

“UNhlakanipho wafika apha kuthi emva kokuba umhlobo wam wandicela ukuba ndimjonge. Ndisebenzile naye, ungumdlali ochubekileyo kakhulu kwaye unesakhono esingumangaliso. Into endiyandayo kuye kukuzinikela emsebenzini wakhe.

“Ndicinga ukuba ngomnye wamanxele aqaqambileyo kweli lizwe – qha ingxaki esinayo kukuba kunzima ukubonwa kwabadlali apha eMpuma Koloni. Ukuza kwam apha kweli phondo, eyona nto endandiyifuna kukuphuhlisa italente. Esi sisiqalo sezinto esizifunayo apha kwiTornado. Ndiqinisekile uzakuqhuba kakuhle.” utshilo umqeqeshi wakhe ngethuba encokola neli phephandaba.

Kuyabonakala ukuba lo mdlali kungekudala ukuba angazibona edlala kwinqanaba eliphezulu kwibhola yoMzantsi Afrika ngoba kunyaka ophelileyo ebebizelwe kwinkampu yeqela lesizwe i-Under 20.

Kule mpelaveki iTornado izakube ikhangela impumelelo yayo yesibini kulo nyaka xa idlala neCallies FC kumdlalo ozakube useNorth End Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Kwiveki ephelileyo iTornado ibethe iSubs ngo’3-0, ngoku injongo yayo kukuvala umsantsa ophakathi kwayo namaqela aphambili kwiMotsepe League.

Imidlalo ye-ABC Motsepe:

Zimbane Killers vs Swartkops Valley@ Jan Smuts; Lion City vs Matatiele Professionals@ N.U.2 Motherwell; City Lads vs Walter Sisulu University@ Mt Alyliff; Mthatha City vs EC Bees@ Rotary; Future Tigers vs Morning Stars@ Ginsburg; Matta Milan vs Highbury FC @ Dutywa; Young Ideas vs FC Buffalo@ N.U.2 Motherwell.

pedrop.mapelo@inl.co.za