Inyamalele inkampani ibisakha izindlu eMkhonjana

Abahlali bakwilali yaseLady Frere iBholothwa uLuntu Kula, Phindile Dwala, Mcebisi Fanteni, Mzimasi Phompoy kunye noMandemephi Mthethwa bemi phambi kwendlu yeRDP engekagqitywa, ukanti kumfanekiso omncinane zizixhobo zokwakha ezingasetyenziswayo

Inyamalele nemali yokwakha ingazigqibanga izindlu inkampani yokwakha iEMS eMkhonjane eLady Frere ishiya abahlali bephixana.

Ingxelo ithi le nkampani iqale ukwakha izindlu ezingaphezu kwamakhulu amathathu kula ndawo ngonyaka ka-2014, kodwa zintathu kuphela izindlu abazakhileyo.

Ezimbini kwezi zindlu zigqityiwe logama enye yazo ingekagqitywa. Abahlali bale ndawo bavakalelwe emva kokuba kulahleka izinto zokwakha eziquka izitena, amacango, ipali zokuxhoma nezinye izixhobo ezibalulekileyo kwindawo ezigcinwa kuzo.

Iqikelelwa kumashumi amane ezigidi zerandi imali (R40Million) echithwe ukwenza lo msebenzi kwiilali ezine eziquka iMkhonjane, uMdibaniso nase40.

Othethe egameli labahlali uMandimephi Mthethwa uyacacisa. “Kwa indlela eyangena ngayo le nkampani apha ayikho mthethweni, ngoku bashiye lo msebenzi ungagqitywanga, izinto zokwakha ziyathengiswa, ezinye ziyebiwa kuba babalekile,” uthethe watsho uMthethwa.

Nephulo lokwakhiwa kwezindlu zangasese lashiywa lingagqitywanga kule ndawo ngenxa yokuxaka kobuqhophololo kwiinkokeli zasekuhlaleni.

Le nkampani yakwa EMS izinze kwiphondo loMntla Koloni kwaye akukho bani onolwazi layo kubahlali bala ndawo kwanabo bebesebenza kuyo.

Ingxelo ithi ezinkampani zinikwa umsebenzi zisikelwe ixesha lokwenza lo msebenzi. Imiqathango yokusebenza kwazo inyanzelisa ukuba zenze umsebenzi ngexesha elisikiweyo, zize zixelelwe xa zingahambi ngokwexesha ebekuvunyelwene ngalo, ekugqibeleni ziyagxothwa, itsho ingxelo.

“Ziyathengiswa ezi zinto kwalapha elalini, ezinye zithuthwa ngobusuku zithengiselwa abantu bezinye indawo, sidiniwe noko ngoku,” uthethe watsho uMthethwa.

Ngamashumi amabini ebhiliyoni zerandi (R22 Billion) imali ethe yagalelwa lisebe lokuhlaliswa koluntu kwinkqubo yokwakhiwa kwezindlu eMpuma Koloni ngonyaka mali ka-2016/17.

Uninzi labahlali bale ndawo bayazidinga izindlu zesibonelelo sikarhulumente ngenxa yeqondo eliphezulu kwentswelo ngqesho.

Igosa ebelithunywe ngabahlali ukuba lisebenzisane nale nkampani lalile ukusinika igama lalo, igama le nkampani kunye nenombolo zomnxeba zenkampani.

Ngethuba lokwakhiwa kwezizindlu ezilali beziphantsi komasipala waseNtsika Yethu zaza kamva zatshintshelwa kumasipala waseEnoch Mgijima.

Umasipala wesithili saseChris Hani ngomnye kwabo basemva ngokwakhelwa kwabantu izindlu eMpuma Koloni.

Isebe lokuhlaliswa kwabantu kweli leMpuma Koloni alifumanekanga ukwenza ilizwi ngalo mcimbi.

– siyabulela.mqikela@inl.co.za