Lizakumangalelwa isebe lezeMpilo eMpuma Koloni

Siphokazi Njekeni

Lizakumangalelwa iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni emva kokuba umsebenzi wesibhedlele iSt Barnabas eLibode ethathe umfanekiso wesigulane wawubonisa oogxa bakhe.

USiphokazi Njekeni ubhubhe kwinyanga ephelileyo emva kokujijisana nesifo seMenenjayithisi ixesha elide elele kwesa sibhedlele. Unina wexhoba Ntombizonke Njekeni uthi uzakuthatha amanyathelo asemthethweni ngesisehlo.

“Ndikhathazeke kakhulu yinto eyenziwe yile ntombazana, ithathe le mifanekiso ngeli xesha umntwana agulayo esibhedlele. Ayiyo mifanekiso enokuboniswa abantu le. Yonke le nto yenziwa ngaphandle kwemvume yam,” ucacise watsho uNjekeni.

Uthi uzakuthetha nabanolwazi lomthetho ukuze bamcebise ngelona nyathelo ekufanele ukuba alithathe. Ukuthathwa komfanekiso womguli ngaphandle kwemvume akukho mthethweni. ”Ndizakulimangalela iSebe leMpilo ngenjongo zokubuyisa isidima somntwana wama,” utsho uNjekeni.

“Phaya emngcwabeni ebehamba ebonisa ngale mifanekiso yalo mntwana ehlekisa kubantu abandaziyo abangakhange bayithande le nto,” uqhube watsho.

Zizigidi zeeranti ezihlawula liSebe lezeMpilo eMpuma Koloni kwimidliwo, ngenxa yokwaphulwa komthetho ngabasebenzi.

Kwinyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo eli sebe linyanzelwe ukuba lihlawule umdliwo wesidigi serandi (R1-Million) emva kokusebenza gwenxa kwabasebenzi besibhedlele saseFrere eMonti.

Owona umdliwo ophezulu kunyaka ophelileyo ubukumashumi amathathu ezigidi zerandi ngenxa yendlela engekho mthethweni ekwathi kwaphathwa ngayo umguli kwisibhedlele saseMthatha.

Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uyavuma ukuba ngenene akukho semthethweni ukuthathwa kwemifanekiso yabagulayo kumaziko ezempilo ngaphandle kwemvume okanye isigunyaziso sesebe lezeMpilo. “Abasebenzi abavumelekanga ukuba bathathe umfanekiso womguli ingakumbi owomntwana phantsi kwayo nayiphi na imeko, akukho mthethweni oku,” utshilo uKupelo.

UKupelo uthi nabamajelo eendaba bathatha imifanekiso yezigulane kuphela phantsi kwemiqathango ethile equka imvume esemthethweni. “Ukuba ukhona umsebenzi onokuba wenze into enje uyakunyanzeleka ukuba kwenziwe uphando ukuze kuthathwe amanyathelo,” ucacise watsho uKupelo.

Kunyaka ophelileyo umphathiswa wesebe leMpilo eMpuma Koloni uPhumza Dyantyi uxelele indlu yowiso mithetho ukuba ininzi imali echithwa lela sebe ukuhlawula amatyala akumila kunje.