Asimngcwabo litheko eli

Ukufa yintlungu emenza umntu aphelelwe bubuqhaji nakukuchubeka. Umntu osentlungwini akabi nguye lowo wesiqhelo, uyaguquka abe nobuntununtunu. Kungenxa yeso sizathu ke amaXhosa engapheli emzini ofelweyo, ebasecaleni kolo sapho maxa onke. Avala izikhewu angathi asilele kuzo lowo ufelweyo, amncedise kwinto yonke kubandakanya nokuthatha izigqibo ngemicimbi ethile.

Awunakuthatha sigqibo sichubekileyo ungenguwe ngokupheleleyo. AmaXhosa ayangenelela athwalise uwabo ke ukuze angangeni ehlazweni ngokuphosa.

Iqhawe liphelelwa bubugorha lakufelwa; nesindwebi siyanyaba, ukwazi nobugcisa zidangale. Into enjalo ke amaXhosa ayibona ifanele ukuba ibe yindoda ejamelana nayo. Wonke umsebenzi onobunzima nodandathekisayo nonobuhlungu unikwa amadoda esiXhoseni, kuba uMdali ubukhulu becala amadoda uwadale anako ukumelana nezinto ezinjalo ngaphezu kwamabhinqa nabantwana. Kungako ke kusithi kwakufiwa ibe ngamadoda akwayama de akuputyalaze ngezandla ukufa, akuphefumle kuqheleke kumathatha nakwiziphunga zawo.

AmaXhosa amxabise kakhulu umntu obhinqileyo, nomntwana. Ibhinqa nomntwana bathathwa njengesitya esikrobokayo esifuna ukunonotshelwa. Amadoda ke ngoko alwenze qilima ukhuselo ngakubo.

Ngenxa yesi sizathu, abantwana mandulo babengayi emingcwabeni. Abantwana bekhaya babesiya ngakusa, ababamelwana bafuduselwe kwizizalwana ukuze bangajamelani ngezikhondo zamehlo nokufa. Abafazi babehambela emva ibe ngamadoda kuphela ajamelana nokufa ukusebenzana nokungcwatywa kwesidumbu.

Kule mihla sibona ezinto ezimasikizi. Ukufa kuqhelwe ngeyona ndlela ikrokrisayo. Abafazi bayangcwaba kule mihla, abasakoyiki ukufa.

Umhlolokazi akanyali ukukhwela eqongeni athethe nezihlwele ngedoda yakhe ekungcwatyweni kwayo. Nabantwana ufika bemiswe ecaleni kukanina bebolekisana ngomboko eqongeni, ukuba bathethe ngomzali wabo.

Isihlwele simanyeliswe umntwana eteketa phambi kwaso emngcwabeni! EsiXhoseni, neNkosana iyabanjelwa xa iselula de ibe yintanga yeenkobe, ayigelwa nesizwe yakugqiba ukuba ngumntwana. Benziwani ke apha emingcwabeni abantwana?

Isidumbu sasijongwa ngamadoda ambalwa amazi ngokugqibeleleyo umfi, ze angqine kwisihlwele ukuba ngenene sisidumbu salowo kungcwatywa yena eso. Yayingekho le nto yesimemo esenziwayo ukuba kubizwe wonke umntu ukuba azo kulunguza isidumbu, ndingazi ukuba sikrotywa ntoni na.

Isidumbu siguquka sibe ngumboniso xa kutheni? Abafazi nabantwana babayinxalenye yelo sikizi ke, ufike sele bengqukruleka begxwala emva koko ndingazi ukuba kuxa bebelunguza isidumbu befuna ntoni na. Sele isisithethe ke emingcwabeni ukubonwa kwesidumbu luluntu.

“Bonke abafuna ukumbona mabeze ngaphambili”.

Uthi akumemeza atsho umphathi-nkqubo abantu babe yimiqodi ukusinga emkhumbini, abanye betyethwe.

Ukhuphiswano lwezinhanha noonobuhle ababonisa ngezinto-yinto zabo andisafuni nokuwuchukumisa. Ngumba nje olisikizi nowenza abantu balibale ukuba bakwinkqubo yokugxwala emswaneni, asuke amehlo ekukhungeni aphoswe kwaba nongcodoyiya neziqumama zabafo.

Ukuthethiswa kwabahlolokazi nabantwana emingcwabeni asimkhwa umele kubukwa ngaBantu.

Lo mkhuba usihlutha uBuntu ngokusingise ekuxabiseni abantu ababhinqileyo nabantwana, andisathethi ngokuthantamisa umhlolokazi. Isithethe sethu esithi aba ngabantu bexabiso esizweni siyemka sijongile, ngokuphenjelelwa ngabempucuko etenxileyo.

Kusanda nje nokuphathwa gadalala kwababhinqileyo nabantwana ngamadoda kungenxa yezinye zezinto ezifana nezi. Kuyaphela kuthi ukubabona njengabantu bokukhuselwa esizweni, sibalinganisa namadoda.

Nangona abafazi bekungxamele nje ukulingana namadoda, nabantwana benamalungelo angangentaba kaNgcengane, kodwa abanakulingana namadoda ngento yonke. Leyo nto yokulingana kwamadoda nabafazi yinto nje yepolitiki neyezengqesho.

Ngokufanayo nje nabantwana abamalungelo abo angangentlabathi yolwandle, baya kusoloko bedinga umntu omdala ukuze babe ngabantwana, kungenjalo bayaphulukana nobuntwana. Ophikayo ke angafane ayozixhoma nokuba kusemthini wetumato.

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.