Umfundisi ubanjwe ngezityholo zodlwengulo

Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uColonel Sipho Hokwana isikhalimele isityholo sodlwengulo esenziwe ngumfundisi waseSt Engenas Zion Christian Church (ZCC), notyholwa ngokudlwengula intwazana engaphilanga.

Lo mfundisi nongekachazwa ngegama de abe uyafunga kwisimangalo esi, ebevelile kwinkundla yamatyala aseGcuwa kuMvulo wale veki.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi lo mfundisi oneminyaka engamashumi amane anesithathu nongowebandla elaqhekekayo eZCC elaziwa njenge St Engenas ZCC, ubanjwe ngoLwesihlanu weveki ephelileyo emva kokuba le ntwazana, eneminyaka elishumi elinesibhozo (18), ibike kumapolisa aseMsobomvu ngokwenzeke kuyo.

“Kurhaneleka ukuba lo mfundisi uthathe le ntwazana wayokuyihlamba ngeyeza emlanjeni okufuphi nebhulorho, nanjengoko ibisithi ayiphilanga. Bebebobabini kuphela kwaye kulapho kutyholwa ukuba umfundisi uthe wabamba le ntwazana kumalungu ayo angasese.

“Emva kokuyihlamba, umfundisi uqhube imoto waya kwikhaya lexhoba. Kwangolusuku lunye, lo mfundisi uthathe le ntwazana kwikhaya layo kwakhona baya kwityotyombe elithile kufuphi naseBika eGcuwa,” utsho uManatha.

“Bakufika kwityotyombe, le ntwazana iyalelwe ukuba ikhulule iimpahla zayo. Nomfundisi kananjalo uye wakhulula, emva koko ixhoba lityhola ngelithi lo mfundisi uye walidlwengula,” utshilo uManatha.

Lo mfundisi kulindeleke ukuba avele kwakhona ngomhla weshumi elinesihlanu ukufaka isicelo sebheyile.

Amapolisa ephondo leMpuma-Koloni akhuphe ingxelo exolisayo kwibandla laseZCC eliphantsi kakuBishop Lekganyane esithi lo mfundisi udlwengulileyo ukwenye iZCC ephantsi kukaSt Engenas.