Njengeqela elikhulu nelilandelwa kakhulu, abalandeli bayo balindele lukhulu kuyo kule isizini i-Orlando Pirates, emva kokuphoxeka kwisizini edlulileyo.
I’solezwe lesiXhosa lincokole nomnye umlandeli ozingomba isifuba ngePirates. Le ndedeba ilanda emva indlela eyadibana ngayo neBhakaniya.
Pedro Mapelo: Bhota mhlekazi, siyakwamkela kweli phephandaba.
Umlandeli: Ndiyabulela Bhuti ngokundinika eli thuba.
PM: Khawutsho, ungubani Bhakaniya?
Umlandeli: Igama lam ndinguLoyiso Voyi, ndizalelwe kuGatyana – kodwa ke ngoku ndihlala apha eZiphunzane.
PM: Wadibana njani ne-Orlando Pirates?
LV: Ha ha ha Mhle lo mbuzo futhi ndiyawubulela. Ndandisemncinci ukuqala kwam ngo’1997. Apha kuyo ndatsalwa yindlela edlala ngayo ibhola. Ndiyayithanda iPirates, utata wam wayedla ngokuthi umntu ongayilandeliyo, udlala nje ngexesha lakhe.
PM: Nenza ntoni kwela sebe lenu okanye nohluke ngantoni kwabanye abalandeli?
LV: Ukhona umahluko phakathi kwethu nabanye abantu. Thina siyafundiswa ukuze sikwazi ukuxoxa ngebhola xa sidibene nabanye abantu. Abantu abangafundiswanga kakuhle incoko ngebhola ijika ibengulo kubo. Ndafika kwi-East London Orlando Pirates Supporters Branch phaya koo’2003, nangoku ndisekuyo ngoba ndiyayithanda kakhulu.
PM: Ulindele ntoni kwiPirates kule sizini?
LV: Kuninzi kakhulu endikulindele kwiPirates kule isizini. Ayikho enye into endifuna siyenze ngaphandle kokuphakamisa indebe yePSL.
IPirates iya phambili kwiNedbank Cup emva kokunyathela iChippa United ekhaya