UMotsepe utshintshe impilo yabantwana eMdantsane!

IMotsepe Foundation inike imali izikolo neecawe zaseMdantsane namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Usapho lwakwaMotsepe, oludume ngokunceda abantu abahluphekayo kweli lizwe loMzantsi Afrika, lwenze umahluko omkhulu kwizikolo neecawe kwaNU12, eMdantsane, emini namhlanje.

Phantsi kombutho wesisa obizwa ngokuba yiMotsepe Foundation, usomashishini okhethekileyo kwabanye ngenxa yobubele nobuntu bakhe, uPatrice Motsepe nenkosikazi yakhe ugqirha Precious Makgosi Moloi Motsepe – banike izikolo ezitsala nzima neetyalike imali ukuze ziphucule ubume bezakhiwo zazo.

Lo msebenzi omkhulu kangaka ububanjelwe kwiholo loluntu kwenye yeelokishi eMdantsane – kwaye ubuzinyaswe ngabantu abaphuma kwiicawe zasekuhlaleni, iinkokeli zaseburhulumenteni noPutco Mafani woMhlobo Wenene Fm – obengumbhexeshi wenkqubo esonwabisa kwangaxeshanye.

Ugqirha Motsepe uxelele loonginginya yabantu ebizalise iholo ukuba bayayithanda iMpuma Koloni ngoba yindawo abafumene kuyo imfundo. UPatrice wafumana imfundo esedyongo e-Alwal North kanti yena ugqirha Motsepe wafumana imfundo yakhe eFort Hare University. “SiyiMotsepe Foundation siqala umsebenzi wethu ka’2016 phantsi kwenkqubo entsha yokuphuhlisa iindawo zoluntu ezifana nezikolo, iicawe nokufaka isandla kwicandelo lezemfundo. Sijonge kwakhulu ukuncedisa kwimfundo yamabanga aphantsi kwiindawo zethu ezihlelelekileyo,” utshilo ugqirha Motsepe.

Iicawe ezifumene inkxaso kwiMotsepe Foundation nazi: St Francis Anglican Church, Fani Gaqa Primary School, Assemblies of God, Nondlwana Methodist Church neNyameko High School. Zonke iicawe nezikolo ziphiwe ikhulu elinamashumi amahlanu amawaka eerandi [R150.000] inye kuzo. Ekupheleni kwenkqubo uPatrice Motsepe uthethe nabantu ebebegcwelise iholo lakwaNU 12.

“Siyakubulela ukuba lapha nani namhle. Mandiqale ngokuxolisa, bekufanelukuba siqale umsitho ngentsimbi yeshumi elinanye – kodwa akubanga njalo. Abantu bokuhlala ngabo abazakuthi babeliliso kule mali esizakuthi siyiphe abantu namhlanje. Ngabo abazakusixelela kodwa indlela imali ezakusetyenziswa ngayo. Siwuxhoma kubo umsebenzi wokusetyenziswa kwayo ngoba ngabo abazi iingxaki zabo ngcono kunathi. Kwiingxoxo ebesizibambe neenkokeli zezi zikolo sizixelelwe iingxaki zezikolo neecawe – saze thina sanika isikolo necawe isixa semali esifanelekileyo,” utshilo uMotsepe.

Esi sigqili saseSoweto sithe iMotsepe Foundation izimisele kujikeleza ilizwe lonke loMzantsi Afrika. “Senza konke oku silusapho lakwaMotsepe njenxa yabantu. Thina siyazi ukuba kufuneka sifake isandla kwiindawo ekungekho nto kuzo,” utshilo uMotsepe.

Ungenelelo olwenziwe yiMotsepe Foundation luthetha ukuthi izikolo eziphiwe imali zizakufumana amaziko obuchwephesha alemihla, esinye sizakuthi sakhele abafundi amagumbi angasese – logama iicawe zizakuphucula izakhiwo zazo.