Yonwabela isitolotolo nohadi lukaMadosini

Imvumi eyaziwa ngokusebenzisa izixhobo ezinqabileyo uLatozi Madosini Mpahleni

Akusentsuku zatywala uluntu lwaseKapa lonwabele umnyhadala weCalabash iWords on Wings Maskandi and Storytelling ozakube useLookout Hill Tourism Centre, eKhayelitsha kule mpelaveki ngoMgqibelo.

ULatozi Mpahleni, owaziwa kakhulu ngokuba nguMadosini, uzakube engomnye wabo bazakonwabisa uluntu kulo mnyhadala. UMadosini wazalelwa kwilali yakwaDlomo, eMthatha, kodwa wakhulela eMkhankatho, eLibode, emva kokufuduka kwabazali bakhe esemncinane.

“Andizukuxoka iminyaka yam andiyazi, kodwa ke lona ipasi lithi ngamashumi asixhenxe anesine (74). Xa undijongile awunokungqini oko kuba ndikhangeleka ndimncinci. Kaloku thina sazalwa ngelaa xesha apho umfazi kwakuthiwa ubeleke ngemini ebekukho ngayo isichotho, ngeenkukhu zokuqala,’’ utshilo uMadosini.

UMadosini, oneminyaka engaphezulu kwamashumi amathathu ehlala eKapa, udume ngokudlala uhadi, umrhubhe kunye nesitolotolo. Ukanti uluntu oluninzi lumazi ngokuba wathi wacula nemvumi eyaziwayo uThandiswa Mazwai.

“Ezi zixhobo zomculo ndizisebenzisayo, zizixhobo endikhule ngazo kuba sasisombela ngazo ekukhuleni kwethu,” utshilo uMadosini.

Nangona ehlala nabazukulwana bakhe abathandathu eKapa, uMadosini walizwa ngonyana omnye kuphela, nongasekhoyo kungoku nje. “Hayi zange nditshate ke mna, kaloku ndabanengxaki yomlenze, ndabe ke ndiyaqhwalela. Ayikho ke indoda eyayinokutshata umfazi ozakuthi endaweni yokuba achule naye, asuke amane etshone evela apha ecaleni kwakhe,” utshilo eqhula uMadosini.

UMadosini sele endwendwele amazwe amaninzi aquka iSingapore, Columbia, Germany, London, Switzerland, namanye amanizi.

“Kaloku ngenxa yokuguga andisazikhumbuli zonke iindawo endikhe ndanyathela kuzo, ungalibali kaloku ndihamba ngentambo yesigcawu,” utshilo uMadosini.

Uncome igalelo lika-Andrea Dondolo ebomini bakhe, watsho esithi: “Ndiyazidla ngo-Andrea ngenxa yokungandijongeli phantsi kwakhe. Unyamezele ixhegwazana elingangam,’’ utshilo uMadosini. Ukwabulele le nzwakazi yakwaDondolo ngokubona kufanelekile ukuba isakhono sikaMadosini sikwazi ukufikelela nakulutsha.

“Ndawuthanda umunyu wakhe * -Andrea wokuba ndingabhubhi neshakhono sam, waze wazama indawo eKhayelitsha apho ndifundisa ulutsha ngeempelaveki ukubetha umrhube, uhadi kunye nesitolotolo,” utshilo uMadosini.

Ukwancome ukuzimisela kolutsha ekufundeni ezi zixhobo zakhe zomculo, watsho esithi noko apho athe wabhubha khona, kuya kubakho ulutsha oluyakuthatha apho ayeke khona.

Sele efumene amawonga amaninzi ngokuphakamisela phezulu umculo wesiNtu esebenzisa izixhobo ezinqabileyo.

zenande.maqubela@inl.co.za