Zayaphi iinkokeli zokwenyani?

Sikhula kusithiwa ukho umahluko phakathi kwenkokeli ngokuzalwa nenkokeli ebekiweyo! Mkhulu umahluko phakathi kwenkokheli enyuswe ngamahlakani ayo ukuze ibe kulawulo nakwisikhundla sokuphatha, xa ithelekiswa naleyo inegazi lobunkokheli elityhutyha kwimithambo yomzimba wayo.

Ibonakala gca, okomva webhokhwe inyuka iqhina inkokeli ekuphilayo ukukhokela abantu, naleyo ikhokela kuba igxeleshe inzuzo nokuziphilisa, endaweni yokuphilisa abo bantu ibakhokelayo. Inkokeli ezelweyo yileyo ikholose ngokuhamba nabo ibakhokeleyo, ingabashiyi ngasemva.

Inkokeli yegazi yileyo imaziyo umntu ngaphezu kokuba izazi yona buqu. Inkokeli yomgquba yileyo ibeka iimfuno nezidingo zomhlambi wayo kuqala, ukuze igqibele ngezayo.

Inkokeli yomthonyama nenegazi lokuzalwa yileyo ingasongi zandla mhla lwakhala lwangqukruleka uhlanga lwayo, kuba yona ilila kunye nabo, ibe igxeleshe isisombululo kwintsinda-badala yabantu bayo, ikhaliphile, inesisa nemfesane kubo bonke ngokungenamkhethe, ayoyiki ngokoyikiswa, ifa apho isizwe sayo sifa khona!

Iikumkani zethu uNgqika, uHintsa noMhlontlo, zafela emfazweni zidwesha zakuthi!

Kwekhu mabandla kaTshiwo, zisekho kusini na iinkokeli ezinjalo! Zisekho kusini na iinkokeli ezinokucangcatha kwindlela eyayihanjwa nguKumkani uMaqoma, Aa Jongumsobomvu!

Inkokeli yekumkani eyayiliqhawe liseziwe, ixolele ukuya kuvalelwa kwesimnyama isisele eSiqithini, isilwela umhlaba wabantu bayo! Zisekho kusini na iiKumkani ezinokulandela ekhondweni likaMhlontlo kwelo lamaMpondo?

Ikumkani eyajongana ngqo nemikhosi yohlanga lwasemzini, nayo isilwela ukungahluthwa komhlaba wabantu bayo, isilwela ukuzinza nokungatshatyalaliswa kwenkcubeko yamaMpondo akowayo.

Iinqununu, iziphatha-mandla kwaneengqonyela zamaziko emfundo enomsila zingafunda lukhulu kwizakhono zezi nkokeli neekumkani ezazingamafela-ndawonye kwizizwe zazo! Iinkokeli ezazibeka izidingo zabantu bazo phambi kwezazo.

Iinkokeli ezazinegazi lokulawula nelokukhokela, zikuphila nokukhokela abantu bazo, nazo zithenjiwe ngabantu bazo!

Uninzi lwethu bafunde kumaziko emfundo enomsila ayesikelelwe ngokuba neenkokheli ezingamathandazwe, iinkokeli zabantu, hayi iinkokeli eziphethe abantu.

Siyamangaliswa xa sibukele ukungalawuleki nokungasombululeki koqhankqalazo lwabafundi kumaziko abafunda kuwo. Kaloku abo baba nethamsanqa lokukhokelwa ziinkokheli zabantu, iinkokeli zokuzalwa, iinkokeli ezazimazi umfundi kwanomntu, ezazifana noNjingalwazi Jakes Gerwel kwela ziko leYunivesithi yaseNtshona Kapa (UWC), uGqirha-lwazi Franklin Sonn kwiTeknikon kaSinga-siqithi (Pentech), nesele ibizwa ngeCPUT kule mihla, kunye noNjingalwazi uSibusiso Bengu eFort Hare kwaNokholeji, abo bafundi bayazi kakuhle intsingiselo yenkokheli egqibeleleyo, neneempawu zokuba yinkokheli ngokuzalwa!

Abafundi ababefunda kwezi Yunivesithi ngexesha lokukhokela kwaba mpondo-zihlanjiwe beenkokheli, abasebenzi ababesebenza nezinkokheli zizeka kade umsindo, abazali ababesebenzisana nezi nkokheli zazikholose ngoxolo nemvisiswano, bonke bamangalisiwe kukubona ukutshintsha kwezinto okugqubayo kumaziko amaninzi emfundo enomsila kwizwe lethu!

Ndikhumbula mhla singabafundi sisilwela ukunganyuswa kwamaxabiso emfundo kusaphethe aba makhwekhwetha, zontathu ezi nkokeli zaziphakama kwizihlalo zobungqonyela okanye ubuSekela-Tshansila kumaziko azo zize ebafundini, zize ebantwini, zize kusabela izikhalo zabo!

Emva koko kusabela nokuthethana ngoxolo, kunganyuswa madolo kwaye kungaphakanyiswa makhwapha, kwakulandela isisombululo esizekwe yimvisiswano.

Ngubani na ongawulibalayo loo mhla wembali kwelo ziko laseUWC ngomnyaka we-1993? Mhla abafundi baqalisa uqhankqalazo olwalusilwela ukunganyuswa kamaxabiso okubhalisela ukufunda, ukuthotywa kwamaxabiso okutya kwiindawo zokuhlala, besilwela ukusungulwa kweenkonzo zothutho zabo bafundi bahlala ngaphandle kwamasango eyunivesithi, kwanokuzanywa kwenkxaso-mali yokunceda abafundi abangathathi ntweni nabasuka kumakhaya ahlelelekileyo, abafundi baya kuhlala ngaphakathi kwisakhiwo sesigqeba solawulo, balikhupha latsola elokuba akukho namnye oza kugoduka kungaziwanga nezisombululo kwezo zikhalo.

Bavela xa kulapho ubunkokeli obusulungekileyo bukabawo uJakes Gerwel. Endaweni yokuzivalela e-ofisini yakhe lo bawo, waphuma waza kuhlala nabafundi ubusuku bonke, ethetha-thethana nabo ngezi zikhalo zabo.

Kusenjalo bafika nabanye babalawuli beziko elo laseUWC bekhatshwa ngumlawuli wasePentech ubawo uFranklin Sonn, kuba kaloku isililo sala maziko sasihlala sijongwa ngamxhelo-mnye, kungekho kubukana nakukhombana ngaminwe.

Phakathi kwezo nkokheli ezezayo zizokuzibandakanya kwidabi labafundi, endaweni yokulwa baphikisane nabo ngoku sele bebona ukuba izikhalo zabo zezivakalayo, kwakukho neendwalutho ezifana nongasekhoyo uDullah Omar; ongasekhoyo uKader Asmal; nalowo wayesakuba nguMphathiswa wezeziMali ubawo uTrevor Manuel.

Ngenxa yobukho bezi nkokeli, nokuxhasa kwazo idabi labafundi, elo dabi alizange likhokelele kwimpalalo-gazi, elo dabi alizange likhokelele ekonakalisweni kwezakhiwo nempahla yesikolo.

Ngenxa yobukho bala maqhawe, nangenxa yokumamela kwabo abafundi ababakhokeleyo, imfundo neemviwo azizange zichaphazeleke, zaqhubekeka kakuhle!

Abaphathi bamaziko emfundo enomsila bangafunda lukhulu kwizakhono zezi nkokeli ndizikhankanyayo ngasentla apha, iinkokheli zabantu, iinkokheli ngokuzalwa!

Kungoko namhla eli lizwe lakhululeka, ubawo uNelson Mandela wazibiza zonke ezi nkokeli, ukuze zibe kwikhabinethi yombuso wakhe!

Makube njalo mzi kantu!