Amawele kaMamTshawe kumnyhadala kaMaskandi

Iqela lomculo kaMaskandi Amawele kaMamTsahwe

Xa usiva igama elithi Amawele kaMamTshawe ungacinga ukuba kuthethwa ngabantu abazelwe ngemini enye, kanti akunjalo kula amawele. La ngamawele kaMamTshawe ngokukhuliswa ngumakhulu wawo ogama linguMamTshawe.

UMasibulele ‘Nongoma’ Gompo kunye noZama ‘Tornado’ Ntenteni liqela lomculo kaMaskandi elibizwa Amawele kaMamTshawe nabangcambu zabo zikuCentane. Esi sibini nesingabazala sikhulele kumakhulu waso uMamTshawe kwilali iFeni kuCentane.

“Abantu sisakhula babedla ngokuthi siyafana, kwaye ke nathi sasisoloko sihamba kunye, de abanye bathi ingathi singamawele’’, utshilo uNongoma.

Emva kokuqala iqela lomculo elibizwa Amawele kaMamTshawe uNongoma nomzala wakhe uTornado bathi bashicilela icwecwe labo elali neengoma ezine, baze balithumela kwiinkampani zomculo njengendlela yokunkqonkqoza ukuze bafumane inkampani enokushicilela umculo wabo. Ngo-2009 bathi bathatyathwa yiMobile Music eyathi yashicilela icwecwe labo lokuqala elithi Songena Nawe. Eli cwecwe lathi laqhuba kakuhle, de lachongwa kumawonga eSatma ngo-2010.

Ukanti esi sibini sikwanawo namacwecwe esiwashicilele ngokwahlukana. UNongoma nongoyena omdala waba ngowokuqala ukufunda ukudlala isiginkci, nalapho kamva wafundisa umzala wakhe uTornado nanjengoko babekhula kunye.

“Njengoko ndikhulele emakhaya, bendiye ndikhalisele amakhwenkwe olusayo igqongo le-oli elineesinkala ezintathu, ndaze kamva ndafundiswa isiginkci nguMakhosathini owaye elinxele. Kwakunzima ukufunda kuye nanjengoko mna ndandilinene, kodwa ke noko kunjalo de ndakwazi”, utshilo uNongoma.

Esi sibini sibhala umculo waso ngokwaso kwaye bathi umculo wabo unomyalezo. Nangona bekwacula ngokwahlukeneyo, kodwa uNongoma noTornado basebenza kunye ixesha elininzi.

Amawele kaMaTshawe azakubayinxalenye yeWords on Wings Maskandi & Story Telling Festival ezakubanjwa eKapa ngomhla we-19 kule nyanga.

“Ndingumntu ongazithembanga kakhulu, kodwa ke uluntu lwaseKapa lulonke ndithi kulo lungalindela ukonwatyisa ngaMawele kaMamTshawe. Abasezibhele ndithi mabaphile uze uthi ufika umhla weWardson Wings & Story Telling Festival babe bengumqabaqaba, kwaye nabo bekwazi ukuya konwaba nathi kulo mnyhadala”, wongeze ngelo uNongoma.

Kungoku nje eli qela lisebenza kwicwecwe labo elilandelayo, nabamnqweno wabo ingowokuba liphume kunyaka ozayo.