Isikolo sophuhliso loqoqosho lweelwandle

UJacquelline Brown oyimanejala yePort of East LondonUmfanekiso: Siyanda Zakhe

IZICWANGCISO zokuvulwa kwesikolo sokuqeqesha abo banomdla kuphuhliso lezakhono zoqoqosho lweelwandle sele ziqhubele phambili.

Iqumrhu likarhulumente iTransnet ejongene noqoqosho oluqhubeka kumazibuko eelwandle zeli, libhengeze ukuba kungekudala isixeko saseMonti siza kuba neMaritime Training College yokuphuhlisa izakhono zabo banqwenela ukuzibandakanya noqoqosho lweelwandle.

Ethetha kwingqungquthela yophuhliso loqoqosho lweelwandle zaseMpuma Koloni (Eastern Cape Maritime Summit) ebibanjelwe eHemmingways eMonti kwiveki ephelileyo, uJacqueline Brown ongumanejala wakwaTransnet kwizibuko laseMonti uthi kwesi sikolo kuza kudaleka intaphane yezakhono ezifunekayo kweli shishini loqoqosho lweelwandle.

“Liyinene elokuba sifuna ukuvula iMaritime Training College eMonti. Eyona nto siza kugxila kuyo luphuhliso lolwazi loluntu malunga noqoqosho lweelwandle nanjengoko sifumanise ukuba bambalwa abantu abanolwazi ngezinto eziqhubeka kumazibuko eelwandle zethu,” kutsho uBrown.UBrown uthi esi sikolo sizakusebenzisana neenkampani zabucala eziquka eyakwaMercedes Benz South Afrika. Inkampani yakwaMercedes Benz inomzi-mveliso wokwenziwa kwezithuthi zayo eMonti kwaye isebenzisa kakhulu izibuko lelwandle laseMonti ukuthumela imveliso yayo kumanye amazwe.

Isebe lezemisebenzi kulindeleke ukuba lisebenzise inxili yayo yophuhliso lezakhono ukuxhasa ngemali esi sikolo, ngokokutsho kukaBrown.Noxa nje uBrown engakhange atsho ukuba siza kuqala nini esi sikolo, kodwa uqinisekisile ukuba amagosa ecandelo lezoqeqesho kwaTransnet amaxhaphetshu esebenza nzima ukuqinisekisa ukuba zonke iimfuno zale Maritime Training College ziyafezekiswa phambi kokuba kuqale ukufundiswa.