UTrollip usiphula neengcambu ‘iintshiyekela’ zobuqhophololo

USODOLOPHU womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uAthol Trollip umemelela kubahlali balo masipala ukuba lusebenzisane naye ukusiphula neengcambu “iintshiyekela” zobuqhetseba nobuqhophololo kulo masipala.

Ngokuncedisa oku, uTrollip utyumbe inkampani yabucala yophicotho-zincwadi iKPMG ukuba ijongane neminxeba kwakunye nee-imeyili ezithunyelwa ngabantu abakhalazela okanye abarhanela ubuqhetseba kwakunye nobuqhophololo eNelson Mandela Bay.

“Isizathu sokwenza oku kukuba sizalisekisa isithembiso sethu esasenzayo sokulwa ubuqhetseba nobuqhophololo kulo masipala,” utshilo uTrollip. Ngokukhabaniyo nesiko lorhulumente okhokelwa yiANC apho inombolo yomnxeba wokujongana nezikhalazo malunga nobuqhetseba kwakunye nobuqhophololo isingathwa kwangamagosa karhulumente, umasipala okhokelwa yiDA eNelson Mandela Bay ugqibe kwelokuba usingathwe bucala lo mnxeba.

“Nanjengoko ubuqhophololo buphele mhla kubanjwa ulonyulo (ngenyanga yeThupha) kulo masipala, kusekho iintshiyekela esicinga ukuba zikhona kwizivumelwano zokusebenza phakathi koonokontraka kwakunye nomasipala ezityikitywe phambi kokuba kungene isikhokelo esitsha,” utshilo uTrollip.

UTrollip ukwabongoze nabasebenzi balo masipala ekubeni balisebenzise eli thuba lokubika xa bebona izehlo zobuqhetseba nobuqhophololo ngokuthi batsalele umnxeba kwinombolo engu: 0800 007 086 okanye bathumele i-imeyili ku: fraud.nmb@kpmg.co.za.