Azifikanga zigalelekile iimviwo zeMatriki!

Minyaka le, xa ikekela inyanga yeDwarha, abafundi bebakala le-12 bajongana neemviwo zabo zokuphela konyaka. Kubo bonke abafundi, eli lixesha lenkxalabo, kodwa abo bebezinikele besebenza nzima ebudeni bonyaka, babonakala bekhululekile, kuba kakade bagqibezela umsebenzi wezandla zabo zenkuthalo.

Kwelinye icala, ooxholovane abathanda ukudukisa, bangabonakalisi kuzinikela apha phakathi enyakeni, ubabona bemaxhaphetshu kwakufika ixesha leemviwo, befunda kuse phandle, ukuze nawabo amagama avele ngokugqamileyo xa kupapashwa iziphumo.

Mawethu, kweli nqaku ndithi makhe ndihlomle ngezinto ezinokuqatshelwa ukuze kuphucuke iziphumo zabantwana bethu kwiimviwo zematriki.

Sisesesikolweni, kwakusithi xa kusondela eli xesha leemviwo, ixesha elinguxakeka kubafundi nakootitshala ngokufanayo, utitshala wethu wezifundo zeZakhono zoBomi (Life Skills okanye Guidance ngelo xesha), utitshala uM. Bhalindlela kwelo laseCumakala, asibizele ndawonye asixhobise ngeendlela ezizizo zokujongana noxinzelelo oluhamba neemviwo.

Sikwezi ndawo sikuzo nje, zezo ngcebiso naloo mikhomba-ndlela sasixhotyiswa ngayo lelo qhawe lakwaBhalindlela, uDlomo, uSopitsho. Kwizinto awayegxininisa kuzo utitshala lo, ndiqinisekile ukuba zinganefuthe elihle nasekuncedeni umlisela nomthinjana wakowethu obhala iimviwo zeMatriki nakulo nyaka.

Ukulala ngokwaneleyo wakugxininisa kakhulu kwezo zikhokelo. Waphinda wakhuthaza ukuba sitye rhoqo, kangangokuba utitshala wayede acebise ngelithi, “lowo ubhala iimviwo, kumele athi ngoku efunda, amane efumana into esiwa phantsi kwempumlo rhoqo emva kweeyure ezintathu.”

“ Waphinda wabalula ukusela amanzi rhoqo, khon’ ukuze umzimba ungomi. Umzimba ongenamanzi nesisu esilambileyo, ziyayichaphazela indlela ingqondo esebenza ngayo. Abazali mabazame iziqhamo nemifuno zihlale zikho emakhaya, kuquka nokutya okuphucula indlela ingqondo esebenza ngayo, ukutya okufana nentlanzi; iziqhamo nemifuno.”

Abazali, neentsapho bayakhuthazwa ukuba ngexesha leemviwo, bawuphungule umthwalo kubantwana babhalayo, kwimisetyenzana yasekhaya abayenzayo, ukuze ixesha elininzi balisebenzise ekufundeni nasekuzilungiseleleni iimviwo.

Ukulandela ezi zikhokelo, kungaluncedo ekuphuculeni indlela iintsana zethu eziqhuba ngayo kwiimviwo zeMatriki. Kwelinye icala, nangona zingaluncedo nje ezi zikhokelo, zikho nezinye izinto ezinxamnye nolawulo ezinokwenziwa liSebe leMfundo esisiSeko, ekuzameni ukunika inkuthazo kwindlela umlisela nomthinjana ontsundu oqhuba ngayo kwiimviwo kweli lizwe lethu.

Uphando luyiveza icace okwekati emhlophe ehlungwini into yokuba xa umfundi ethe waqhuba kakuhle kumaphepha eemviwo okuqala, oko kumnika inkuthazo encomekayo kumanye amaphepha alandelayo.

Uninzi lwethu, sisengabafundi beBakala le-12, eyona nkuthazo nethemba lokuphumelela sasilifumana emva kokubhala iphepha lolwimi lwenkobe, kuba sasisithi xa siphuma kulo, sibonakale sonke sincume olukablankethe, kucaca ukuba besibhala into esiyithandayo, into esiyazi ngokugqibeleleyo, kwanento esithi buqu, isiXhosa!

Ithamsanqa lokubhala ulwimi lwenkobe kuqala, likhangeleka liwela kwizandla zolu lwimi luhlonitshwe nanguthathatha kwihlabathi lonke jikelele.

Kule minyaka mithathu idlulileyo, ulwimi lwesiNgesi lulo olubhalwa kuqala kunazo zonke ezinye izifundo, kuquka nezinye iilwimi ezifundwayo nezifundiswayo kwiBakala le-12.

Umzekelo, iimviwo zeMatriki ngomnyaka ka-2014, zaqala ngomhla wama-27 kwinyanga yeDwarha, kwaye zaqala ngephepha lokuqala lesiNgesi. Kumnyaka ka-2015, iimviwo zeMatriki zaqala ngomhla wama-26 kweyeDwarha, kwaye bekukwaqalwe ngesiNgesi ukubhalwa.

Nakulo umiyo umnyaka ka-2016, kwenzeke utshintsho nje olungephi, kuba ngomhla wama-24 nowama-25 kule yeDwarha, kuqalwe ngeelwimi zasemzini, ezingezizo ezemveli kweli lizwe loMzantsi Afrika.

Iilwimi zesintu ezifana nesiXhosa; isiZulu; isiSwati nesiNdebele, ziyakubhalwa kuphela ngomhla wokuqala kwinyanga yeNkanga.

Ingaba bethu kumazwe aphesheya kungaze kwiimviwo zeMatriki zalapho kuqalwe ngeelwimi zaseAfrika, zikho ezemveli zaloo mazwe?

Abo bantetho isisiNgesi, inene bathamsanqelekile, kuba kaloku bona bathi besiya kubhala ezinye izifundo, nezinye iilwimi, babe beqale ngolu lwimi baluthandayo nabalwazi ncakasana.

Andithi makuhlale kuqalwa ngeelwimi zesintu minyaka le, koko ndithi, makungasoloko kubekwa phambili ulwimi olunye.

Nqandani mawethu, zingekemki kwakhona iinkomo zoobawomkhulu!