IFree State Stars ingombe iWits kabuhlungu

UDaine Klate weBidvest Wits noBokang Tlhone weFree State Stars kumdlalo weTelkom Knockout eGoble Park Stadium namhlanje. Umfanekiso: BackpagePix

IFree State Stars ifumene into eyinqabeleyo kule sizini: impumelelo. Eli qela lephondo laseFree State livuthulule iBidvest Wits ngamagowuli amathathu kwelinye jwi kumdlalo weTelkom Knockout emalanga namhlanje eGoble Park Stadium. 

Amagowuli ancede iFree State Stars afakwe nguMoeketsi Sekoal, uSthembiso Dlamini noDanny Venter.

Emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’3-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN8 kutshanje, wonke umntu ebelindele iBidvest Wits izihambele lula kulo mdlalo – kodwa endaweni yoko, idibene neembila zithutha namhlanje eGoble Park. Ekuqaleni komdlalo yiWits ebibonakala inamandla futhi kucaca ukuba ingalifumana igowuli nanini emdlalweni. 

Okubonakeleyo kukuba umqeqeshi weStars ulifunde kakuhle iqela ebelidlala nelakhe, ngoba, alikwazanga ukufumana amagowuli engeliphumelele ngawo umdlalo. Abadlali abaziwayo beWits abafana no-Elias Pelembe noGabadinho Mhango bazamile ukuvula amathuba – kodwa bafike uThela Ngobeni evalile ezipalini.

Ekuqgibeleni yiFree State Stars ekwazileyo ukungcangcazelisa umnatha kwakathathu. Ngalo ndlela yakwazi ukufumana ithuba lokudlulela phambili kolu khuphiswano lweTelkom – kwangaxeshanye – yafumana amadla wokuqubisana nemidlalo yePremier Soccer League esokolayo kuyo. UDaine Klate uze negowuli lokubika kwimizuzu yokugqibela kwixesha elongezelelweyo.

Kweminye imidlalo yeTelkom: iCape Town City izibethele iBloemfontein Celtic ngo’2-0 eCape Town Stadium; izolo iHighlands Parks eqeqeshwa nguGordon Igesund ibethe iChippa United ngo’2-0 eMakhulong Stadium.

Free State Stars: Ngobeni, Mobbie, Masehe,Tlhone, Kizza, Dlamini, Venter, Vilakazi, Mbhele, Nkausu, Sekola.

Bidvest Wits: Keet, Allie, Hlatshwayo, Khumalo, Klate, Monare, Rodgers, Pelembe, Hlanti, Mhango, Mlambo.