Usomashishini waseMonti uziqaqambise ezizweni

Sibongile Booi

Usomashishini waseMonti uSibongile Booi uthi kuyamkhuthaza ukubona ukuba kukho abantu abayiqaphelayo imizamo yakhe yokudlala inxaxheba ekukhulisweni koqoqosho laseMpuma Koloni.

UBooi, ongumnikazi weshishini iSecond Office eseVincent eMonti, uphumelele kwindawo yokuqala kuluhlu lorhwebo kwakunye neenkonzo (trade and service), ebetha amanina angaphaya kwamashumi amahlanu ebekuluhlu olunye naye.

Impumelelo kaBooi, isemva kokhuphiswano lweEskom Business Investment Competition ebibanjwe kwinyanga ephelileyo eRhawutini.

ISecond Office ibonelela oosomashishini abaphuma kwamanye amaphondo angenandawo yokusebenzela, nalapho ubani imenza ukuba angabinaxhala le ndawo yokusebenzela xa eseMonti. Yiminyaka emihlanu yaqalayo iSecond Office.

Ubooi uthi usakuvuyela kakhulu okuthe kwamehlela. Uthi ukusukela ngonyanga ka2013 xa ebemane engenela ebengade afikelele kwindawo afikelele kuyo ngoku.

“Imnandi into yokuba uqatshelwe kwinto oyenzayo, wena ube ungaziqapheli ujonge kubo usithi ufunda kubo. Oku kundenza ndizive ndonwabile kwaye kundinika amandla okuphucula iinkonzo kangangoko kwishishini lam,” utshilo uBooi.

Ukanti le nzalelwane yaseGcuwa, asiyompumelelo yokuqala le kuyo. Ekuqaleni kwalo nyaka iSecond Office ibiphakathi kwamashishini amanina anagmashumi amane anesithandathu, athe achongwa kwangamakhulu amabini awabethathe inxaxheba kwiSAB Foundation Tholoana Programme. Inkqubo le injongo yayo kukukhuthaza kwaye ixhase amanina akumdla kwezoshishino.

Nakulo unyaka amathuba avulelekile kwabo somashsisini bafuna ukungenela kwiSAB Foundation Tholoana Programme.

Iinkcukacha ku:
www.sabfoundation.co.za.