USolinas ubulela ithuba lesibini kwiFree State Stars

Giovanni Solinas. Umfanekiso: BackpagePix

UGiovanni Solinas ngumqeqeshi weFree State Stars kwakhona emva kokulahla kweli qela ekupheleni kwesizini ka’2015/16.

Endaweni yakhe kwangena uDennis Lavagne – kodwa uye wakhululwa kwinyanga ephelileyo emva kwemidlalo embalwa ngenxa yeziphumo ezibi.

USolinas, ophuma kwilizwe lase-Italy, uthi uyalivuyela ithuba lesibini alinikwe kwiStars.

“Ndichulumancile kakhulu kukubuyela kweli qela. Ndiyalamkela ngezandla zozibini ithuba lokuxhuzula imikhala kwakhona endilinikwa ngabalawuli beFree State Stars. Lo nto ibonisa mhlophe ukuthi bayandithemba. Sizimisele ukuzama ngazo zonke iindlela ukuze iqela lifumane iziphumo ezingcono kule sizini,” utshilo uSolinas kwikhasi lomnatha leqela lakhe.

USolinas, 48, waqhuba kakuhle kwisizini edlulileyo – kwaye ukuhamba kwakhe kothusa abantu abaninzi. Ubuya ngoku abanye babadlali awayesebenza nabo behambile kwisiphithi-phithi sokuthengiswa kweFree State Stars okungaphumelelanga phambi kokuqala kwale sizini yePSL ka’2016/17.

“Kwabakhona imvakalelo kum ngethuba ndihamba apha kwisizini ephelileyo. Indawo elikuyo ngoku iqela ayincumisi kwaphela. Injongo yethu kukulisusa kwindawo elikuyo ngokukhawuleza. Abadlali bazimisele ukusebenza – okuseleyo ngoku kukuqinisekisa nje ukuba iingqondo zabo zilungele ukulwa,” utshilo uSolinas.

Le ndoda ingena kwesi sikhundla inethemba lokuphinda yenze kakuhle njengakwisizini ephelileyo. Ihleli kwindawo yeshumi elinesine iFree State Stars kwiPSL.