Coetzee: Kunyanzelekile siphumelele

Umqeqeshi weBoks * -Allister Coetzee

Amabhokobhoko ajongene nowona mdlalo unzima kule mpelaveki. Eli qela lesizwe loMzantsi Afrika lidibana neentshatsheli zehlabathi, iNew Zealand, kumdlalo obaluleke kakhulu eThekwini.

Amakhwenkwe ka-Allister Coetzee aya kulo mdlalo ukuzithemba kuphezulu emva kokuba ebethe iiWallabies ngo’18-10 kwiveki ephelileyo.

Nangona iiBoks zifumene impumelelo – kodwa kusekho inkxalabo ngenxa yendlela engancumisiyo ezidlala ngayo.

Ukuze iqela likaCoetzee libethe ii-All Blacks, kufuneka lidlale ngokuzimisela futhi lilale emgceni.

“Xa udlala neNew Zealand kufuneka uqinisekise ukuba uqinile ngoba abadlali bayo bayawasebenzisa amathuba. Kwimizuzu yokugqibela emdlalweni ii-All Blacks ziba noburhalarhume kakhulu,” utshilo uCoetzee.

Umqeqeshi weeBoks uxelele iintatheli ukuba kufuneka abadlali bakhe bangangxami futhi ibhola kufuneka ihlale kubo.

Impumelelo enokuzuzwa ngaMabhokobhoko kulo mdlalo wempelaveki ingabuyisa isidima sawo emva kokugqwidiza kwinyanga ephelileyo.