Inyukele phezulu iBuffalo kwiMotsepe League

Iqela laseMonti, iFC Buffalo, lenyukele phezulu kwiMotsepe League emva kokubetha iYoung Ideas yaseBhayi ngo`3-1 kumdlalo obuseJan Smarts Stadium emalanga ngoLwesithathu.

Oonozinti bala maqela ngabo abathintele amagowuli amaninzi kakhulu kulo mdlalo.

Isiqingatha sokuqala kumdlalo siphele kungekho nelinye igowuli ebhodini. Lo mdlalo ubudlalwa ngesantya esiphezulu ngamaqela omabini nangona bekukho umoya omkhulu osuka ngasempuma usiya ngaseNtshona.

Unozinti weYoung Ideas nguye oxabe endleleni eya empumelelweni yeFC Buffalo kwisigaba sokuqala somdlalo emva kokuchitha iibhola ezibuhlungu kuye.

Ukuba izinto beziyihambele kakuhle iBuffalo ngekutshintshwe amacala ihamba phambili ngamagowuli amabini ubuncinane – kodwa ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali beYoung Idea emva – lo nto ayenzekanga.

Ithathe apho iyeke khona nakwe sesibini isigaba iBuffalo emva kwekhefu.

Inkqonkqoze izihlandlo ezibini kwimizuzu emihlanu umdlalo uqalile – yala kodwa iYoung Ideas. Iibhola ezinde ebezisetyenziswa ngabadlali bala maqela azibancedanga ngoba ibhola ibilawulwa kakhulu ngumoya. Lo nto ibangele ukuba bangakwazi ukusebenzisa kakuhle imbinana yamathuba ebimane isithi qampu okwegwebu lomqombothi.

Unozinti weYoung Ideas, oyena mdlali obexakekile kulo mdlalo, uthintele iibhola ezinzima kwade kwakathathu ngomzuzu weshumi kwisigaba sesibini. Lihlasele nalo iqela laseBhayi – kodwa zaphanza iinzame zalo.

Ngomzuzu wamashumi amabini, iFC Buffalo, ifake igowuli lokuqala kulo mdlalo, ngebhola entle ekhatywe ngasekhohlo. Unozinti weYoung Ideas wenze ubutyhifili ngokuwisa umdlali weBuffalo ebhokisini – uyikhombe echaphazeni usompempe. Uyivalile ipenele yokuqala, kodwa yamoyisa eyesibini.

Ifolosi yeqela laseBhayi iphose igowuli lokubika ngethuba iqabelisa ibhola iphambi kweepali – kodwa ithe yafumana igowuli phambi kokuphela komdlalo.