Abahlohli baseRhodes bathi phantsi ngobundlobongela bamapolisa kubafundi

Abafundi neqela labahlohli eDrostdy Lawns eRhodes Umfanekiso: nguLwando Ntenda

Iqela labahlohli elizibiza ngokuba yiConcerned Staff kwiYunivesithi iRhodes likhokele uqhankqalazo olungenabundlobongela namhlanje ukubonisa inkcaso yalo kubundlobongela bamapolisa ngakubafundi abaqhankqalazayo.

Umhloli wobuntatheli nolilungu leli qela, uBrian Garman uthi olu qhankqalazo beluzama ukubonisa ukuba uyakwazi ukuqhankqalaza yaye uvakalise ilizwi lakho ngaphandle kobundlobongela ngakwicala lamapolisa okanye abaqhankqalazi.

“Sizama ukufumana indawo enobunono nekuthuleke kuyo ukuze abantu babuyele kule ndawo bekusenzeka kuyo ubundlobongela. Siyayibanga kwakhona le ndawo njengendawo yabafundi baseRhodes nendawo yokwenza uqhankqalazo olusemthethweni,” utshilo uGarman.

Eli qela lithi liyazixhasa iintshukumo zemfundo yasimahla, bekwathi urhulumente akenzi ngokwaneleyo ukuqinisekisa ukuba unikezela ngemfundo ephakamileyo yasimahla.

Abafundi nabasebenzi ebebeyinxalenye yolu qhankqalazo bebephakamise iiposta ezidlulisa umyalezo othi amapolisa mawayeke ukulwa nabafundi. Kukwabekwe iiposta ikhampasi yonke ukuvakalisa izimvo zabantu malunga nendima yeentshukumo zemfundo yasimahla kweli ziko.

Iqela leConcerned Staff lithi alifuni ukuphinda libone abafundi bedutyulwa yaye bephathwa ngobundlobongela ngamapolisa.