UTantsi unqunyanyisiwe njengomanejala waseMnquma

IBHUNGA likamasipala waseMnquma ligqibe kwelokuba limnqumamise emsebenzini umanejala walo masipala onguSindile Tantsi, emva kokuba limtyhola ngokungathobeli imiyalelo yebhunga.

UTantsi ebebekwe – isithuba esingangeveki – kwikhefu elikhethekileyo libhunga kwiveki ephelileyo, enikwa ithuba lokuba atsho ukuba yintoni engabangela ukuba anganqunyanyiswa.

UTantsi akakhange awuthobele lo myalelo webhunga. Endaweni yoko utshixe amasango kamasipala nto leyo ebangele ukuba abasebenzi bagqibe iintsuku bengaphangeli. UTantsi ukwaye nakwinkundla ephakamileyo yaseRhini, ngelizama ukuhlehlisa isigqibo sebhunga sokumnika ikhefu elikhethekileyo.

Inkundla yaseRhini isasibambele ngakuyo isigwebo malunga nokuba besisemthethweni kusini na isigqibo sokunika uTantsi ikhefu elikhethekileyo.

Imithombo ethembekileyo ithi lo kaTantsi uqhubeke ethabatha izigqibo njengentloko kamasipala kwiveki ephelileyo, noxa nje enqunyanyisiwe.

Kwindibano yebhunga ebibanjelwe eGcuwa ngoLwesihlanu ibhunga livakalise ukudana zizenzo zikaTantsi, latsho lithabatha isigqibo sokumnqumamisa.

Kodwa lo kaTantsi uthi isigqibo sokumnqumamisa asikho semthethweni. Isithethi kumasipala waseMnquma uLoyiso Mpalantshane uthe: “Indibano yebhunga egqibe kwelokunqumamisa umanejala kamasipala (uTantsi) ayikho semthethweni kuba usesenkundleni umba wesigqibo sokuba bekusemthethweni kusini na ukunikwa kwakhe ikhefu elikhethekileyo.”