IWits ziintshatsheli ezivunyiweyo zeMTN8

Namhlanje emva kwemini, iBidvest Wits, izenzele imbali ngokuthi iphumelele indene yeMTN 8 ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zeerandi (R8-million) emva kokuvuthulula iMamelodi Sundowns ngo’3-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi obudlalelwa eMbombela Stadium.

Igowli lokuqala lalo mdlalo lize noDaile Klate emva kwemizuzwana engamashumi amathathu anesihlanu(35sec) umdlalo uqalile.

Ngomzuzu weshumi elinesithoba u-Eleazar Rodgers ungcangcazelise umnatha emva kwebhola ayifumene kuKlate – ngalo ndlela iWits yankqenkqeza phambili ngamagowuli amabini kwinto engekhoyo kwiDowns.

Ngenxa yemvula ebisina ngamandla eMbombela, ibala elimtyibilizi liye lanomthelela kwindlela abadlali bamaqela omabini abadlale ngayo. Ibhola ibibaleka ngesantya esiphezulu kwaye nabadlali bebesiwa qho ngenxa yobo bumanzi.

Ukapteni weSundowns, uHlompho Kekana, usinde cebeshu kuVictor Gomes owaziwa kakhulu ngokungabinayo inceba kubadlali abophula umthetho ebaleni emva kokudlala rhabaxa uKlate esizikithini sebala. Uxinizelelo belukwiSundowns kwisigaba sokuqala phantse sonke ngenxa ka-Elias Pelembe, uHellings Mhango noRodgers – abaquqe bebuyelela okwezulu laseMthatha kunozinti weDowns, uDennis Onyango.

Kwisigaba sokuqala akukho nanye ibhola ecacileyo ekhatywe ngabadlali beSundowns eya kunozinti weWits nangona ibhola ibilawulwa yiyo(iDowns). Abadlali beWits babekrelekrele kulo mdlalo ngokuthi bavale uKhama Billiat olithemba leDowns noSibusiso Vilakazi – obekubonakala ukuba uzimisele ukwenza into ebonakalayo phaya phambili. Nangona kungekho nto iyenzileyo kwicala lamagowuli iSundowns kulo mdlalo – kodwa idlale umdlalo ophucukileyo kwisigaba sesibini somdlalo. Unozinti weWits uvavanywe into ebhadlileyo ngembumbulu yebhola ekhatywe nguTiyani Mabunda kwalandela ibhola ekhatywe nguKeagan Dolly ngoku umdlalo sowusondele ekupheleni. Ibhokisi engcwacwe ngayo iSundowns ivale ligowuli lesibini likaKlate ngemizuzu yokugqibela emdlalweni.

Emva kweminya ephaya kwisithathu uGavin Hunt ezama ukufumana indebe engumqeqeshi weWits – ude wayifumana namhlanje emva kokuba iqela lakhe lizuze impumelelo ebalulekileyo eMpumalanga . IWits yagqibela ukuzuza indebe ngeyeNedbank ngo’2010 ngethuba isephantsi kwesandla sikaRoger de Sa.

Bidvest Wits: Keet, Allie, Hlatshwayo, Mkhwanazi, Hlanti, Pelembe (Ngele 89’), Monare, Mlambo, Klate, Mhango (Myeni 69’), Rodgers (Malajila 81’)

Mamelodi Sundowns: Onyango, Mbekile (Tau 76’), Arendse, Nascimento, Langerman (S. Zwane 46’), Mabunda, Kekana, Laffor (Zakri 46’), Vilakazi, Dolly, Billiat.