Ingaba uluntu lusawaxabisile amasiko kule mihla?

Ingaba le nto kuthiwa lisiko isahambelana nale mihla siphila kuyo? Bona ubuchwepheshe banamhlanje buyancedisana kusini na ekukhuliseni inkcubeko yakwaXhosa?

Leyo yimixholo ebixovulwa ziingcali zesiNtu ngosuku lokubhiyozela inkcubeko, amafa kwakunye namagugu kwiziko iSteve Biko eGinsberg ngaseQonce.

Abo bebesetafileni kwezi ngxoxo ngumlawuli kwibhodi ejongene neelwimi eMzantsi Afrika eMpuma Koloni iPANSLAB , uMlawu Tyatyeka, kwakunye negqirha elichaza amaphupha kwiphephandaba lethu, uLulama Mpahla.

UTyatyeka uthi ngenxa yokutshintsha kwamaxesha kuninzi ekuthe kwatshintsha kwinkcubeko yakwaXhosa. Uthi inkululeko ize nento ezininzi yade yatshintsha neengqondo zoluntu olumnyama bawatyeshela amasiko kwakunye nezithethe zabo.

“Isizwe sisizwe ngenkcubeko. Kodwa into esibethileyo kukuba inkcubeko ilawulwa zizinto ezikhoyo ezisingqongileyo. Ezinye zazo isenoba zizinto zemveli, ezokuhlala, ezonqulo okanye ezopolitiko. Ezinye zezinto zakudala yayilisiko lokulobola nangona nje kule mihla selingasaxatyiswanga,” utshilo uTyatyeka.

Uqhube wathi kona ukulingwana akukalingwana kweli. Kusathwa umntu unelungelo ngokwenkolo yakhe kodwa icuba lentsangu alikavunywa ngurhulumente weli ukuba lisetyenziswe ngoku semthethweni ngamaRasta.

Ushiye umbuzo eluntwini ukuba kutheni lento ingabantu abamnyama bodwa abasabhiyozela olusuku lwenkcubeko, njengoko esithi awusoze umbone umntu omhlophe ebhiyozela olusuku.

Ukanti uMpahla ungqinile esithi impucuko ifike yadlala indima enkulu kuluntu olumnyama kuquka nengqondo yabantu abamnyama itshintshile.

UMpahla yena wongeze ngelithi, “ukufika kwempucuko kubangele ukuba thina bantu bamnyama singazazi ukuba singoobani na, impucuko ifike yathatha into eninzi kuthi. Impucuko ide yabe ihlutha nengqondo yokwazi ukucinga nengqondo yokuba sikwazi ukuziqalela izinto thina singabantu abamnyama. Kanti inkcubeko bubuntu bethu.”

Uqhube esithi, ngoku sele kuphilwa kwilizwe apho impucuko ize nezinto zobuchwepheshe, izinto thina bantu besintu esingenawo amandla okuzitshintsha.

“Masiqhubeke sibusebenzise obubuchwepheshe bukhoyo sifundise abantu abatsha ngenckubeko kwanangezithethe zabo basazi isiNtu sabo,” utshilo uMpahla.

Ukwathe kukho abakholelwa kwelokuba ubuchwepheshe banamhlanje abuhambisani nezinyanya zethu, watsho esithi obu buchwepheshe sesona sixhobo sinokusetyenziswa sitsale ulutsha libuyele kwinkcubeko kaNtu.