Umsitho wokunqanda ukubulawa kwee-Albino

ISEBE lophuhliso loluntu eMpuma Koloni lizakubamba umsitho ojoliswe ekunqandeni ukubulawa nasekucalulweni kwabantu abazii-Albino.

Noxa nje kungekho zinkcukacha zichanekileyo malunga nokubulawa kwaba bantu eMpuma Koloni, umasipala wesithili iChris Hani ubonakala njengophala phambili ekucalulweni nasekubulaweni kwabantu abazii-Albino.

Le nkxalabo isuka kumbutho i-Albinism Society of South Africa kwaye isebe ligqibe ukuba umsitho wokukhalimela lo mkhwa ubanjelwe eThobi Kula Indoor Sports Centre kuKomani ukuqala namhlanje (Lwesine) ukuya ngomso.

“Kutshanje, inkosikazi yakuKomani ithe yabulawa yindoda yayo emva koko yangcwatywa ze amalungu omzimba wayo athathwa,” utshilo uMzukisi Solani, ongusomlomo wesebe kwiphondo.

USolani uthi uNomasonto Mazibuko, itshantliziyo kwanosihlalo weAlbinism Society of South Africa, uzakuba yinxalenye nalo msitho wakuKomani.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za