Libuyela enkundleni idabi leDA noMotsoeneng

Ilungu leDA ePalamente uJames Selfe, othi lo mbutho ubuyela enkundleni ngeliqanda uHlaudi Motsoeneng ukuba angaqhubeki nokusebenzela uSABC, emva kokuba inkundla yezibheno isikhabile isicelo sakhe sokubhena

LIBUYELA enkundleni idabi phakathi kweDA noSABC ngelinqanda ukuqeshwa kukaHlaudi Motsoeneng njengegosa
eliyintloko elibambeleyo kweli ziko losasazo lesizwe. Oku kulandela isigqibo sebhodi yakwaSABC ebonakalise ukunganiki ngqalelo kwisigqibo senkundla yezibheno
ekhabe isicelo sikaMotsoeneng sokubhena isigwebo senkundla ephakamileyo yeNtshona
Koloni. 

Le nkundla yagweba ngelithi ukuqeshwa kukaMotsoeneng njengegosa
eliyintloo kwaSABC akukho mthethweni.
 Emva
kokuphanza kweenzame zikaMotsoeneng, ibhodi yakwaSABC ibhalele
kumphathiswa wezonxibelelwano kweli uFaith Muthambi ngelifuna inkxaso yakhe
 kwingqesho kaMotsoeneng njengebambela kwesi sikhundla kufanele ukuba uyasityeshela.

Ilungu
leDA ePalamente uJames Selfe uthe, “Inyathelo likaSABC yindelelo kwiinkundla
zomthetho, kwaye lisishiya singenayo enye indlela ngaphandle kokuphinda
sibuyele ezinkundleni.” 
Lo
mbutho sele ubhalele kumagqwetha awo uwayalela ukuba alungise amaphepha ozakuwafaka enkundleni. 
USelfe uthe isigqibo sale bhodi sinyahasha amagunya
omthetho kweli.

Ukanti i-ofisi kamongameli weli uJacob Zuma ngoLwesihlanu ivakalise ukusihlonipha isigqibo seenkundla kumba ochaphazela lo kaMotsoeneng. Isithethi sikamongameli Zuma uGqirha Bongani Ngqulunga ubalule
intlanganiso phakathi kukarhulumente neejaji zeli nekwavunyelwana kuyo ukuba
urhulumente azihloniphe izigwebo nezithintelo eziwiswe ziinkundla zomthetho.
NoMkhuseli Woluntu uThuli Madonsela ubhalele kuMuthambi ukuba asikhabe isicelo
sebhodi yakwaSABC malunga noMotsoaneng.