“Ziguzuleni kwiimfundiso zaseNtshona” – Holomisa

Abantu baseAfrika basagqwetheke iingqondo nangona nje sele bakhululeka kwingcinezelo, kuba basathe gqolo ukuqaqambisa isiNgesi endaweni yokuqaqambisa iilwimi zabo zaseAfrika.

Lawo ngamazwi kasekela mphathiswa wesebe lezemisebenzi kuzwelonke uNkosi Patekile Holomisa ngethuba esothula intetho yakhe kumnyhadala wezobuntu kwakunye nenkcubeko, Ubuntu Cultural Festival ePitoli.

UHolomisa uwagxeke kabukhali amaAfrika esithi batyeshele iilwimi zabo, bedumisa ezamazwe angaphandle. “Jonga okokuqala nje xa uthi uthetha nomnye umntu enithetha ulwimi olunye kodwa uyakumva ethetha isiNgesi. Jonga indlela abatyeshela ngawo amasiko abo bedumisa awaseNtshona.

“Khangela indlela ababajongela phantsi ngalo amagqirha beleqa abesiNgesi kodwa ngobumnyama bayabandwendwela, ujonge nangendlela abaleqa ukutya kwemveliso yeNgesi kunezomntu wabo. Abanye bethu bazitshintsha ibala lobuso kuba befuna ukubukeka okomlungu logama abanye befakela inwele zamazwe anagaphandle kwintloko zabo,” utshilo uHolomisa.

Uthi ilizwe lethu linobutyebi bemveliso zendalo kodwa kunjalo uthi abantu beli basagutyungelwe yindlala.

Uthi phambi kokuba kufike ingcinezelo bekuhluthwa elilizwe lingaswelanga nto linolawulo kumhlaba nakwizilwanyana nakuyo yonke into yendalo kodwa ngoku akusenjalo.

UHolomisa uthi okubalulekileyo kukuba abazali babafundise iilwimi zonke abantwana babo khonukuze bawazi amasiko kwakunye nezithethe. Uthi ulwimi yenye yezinto ekwenza uyazi imvelaphi yakho, uluntu lufundisane ukuthetha iilwimi zabo bangaxubi.

Ukwathe, abazali basoloko bekhala ngolutsha olungalawulekiyo ngenxa yokuziphatha kakubi, logama ikwangabo abangabenzeli izinto ekufanele bazenzelwe ezifana nembeleko, ukusiwa kwamantombazana kumasiko entonjana ezokwenza ukuba baziwe zizinyanya bakwazi ukukhuseleka.

UHolomisa uthi oku yayikukuqinisekisa ukuba amantombazana awazibandakanyi nezesondo eselula asinde nasekukhulelweni eselula kwaye kwicala lamakhwenkwe ayesiya kwisiko lokwaluka ekwixesha elifanelekileyo akwazi ukumelana nobudoda abenoxanduva kwaye angakwazi nokuba axhaphaze abasetyhini.

Uthe kuninzi anokutyatyadula athethe ngako kwizinto ezingasenzekiyo kodwa zazisenziwa kudala phambi kwengcinezelo.