UMkhize ulwa ukonakaliswa kweziseko zemfundo esimahla

Ulutsha malingatshabalalisi izinto esezikhona kuba lifuna imfundo yasimahla. Oku kuthethwe nguGqirha Zweli Mkhize kwingxoxo mpikiswano ebisingathwe liziko Ikusasa le Afrika Forums (Africa Future Forums) ngokubambisana nombutho yabanezakhono iPPF eMonti ngoLwesihlanu.

Izithethi ebezikule ngxoxo mpikiswano ziquka uGqirha Nomalanga Mkhize ophuma kwiYunivesithi yaseRhodes, uYamkela Makupula ophuma kweli ziko iAfrika Future Forums, kwakunye noNzuzo Ngema oyiNgqonyela kwiProcurement Performance Institute, kwaye ikwazinyaswe nangumphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula.

Lengxoxo mpikiswano ibizinyaswe lulutsha oluphuma kumaziko emfundo ephakamileyo aseMonti.

UMkhize uthe, idabi lomzabalazo wenkululeko, lalisilwela ingomso yolu lutsha, ngethuba uninzi lwabo lalingekazalwa.

“Kufanele ukuba ningazilibali, ukuba niyinxalenye yohambo elasungulwa ngabangasekhoyo, nababezabalazela ukuba nibe nempilo engcono,” utshilo uMkhize.

“Ndiyayazi ukuba ulutsha lifuna imfundo yasimahla. Nam ngokuya ndandikwiminyaka elingana nale yenu, sasizabalazela imfundo yasimahla, apho ungazuhlawula kwanto, ufumane iincwadi zokufunda, nezokubhala, sifundiswe into efanayo neyayifundiswa abafundi abamhlophe. Sasifuna imfundo ezakusixhobisa ukuze sibe ziinkokeli kwiindawo esiphuma kuzo,” ucacise ngelo okaMkhize.

Uqhube wathi, “Musani ukucinga ukuba asinawo umnqweno wokudala imfundo yasimahla, koko sinemiceli mngeni esaxabe endleleni yoko.”

Ubongoze abafundi ukuba basebenzise ithuba abalizuzayo lokufunda, ngokuthi bangaphazamisi ukuqhutywa kwezifundo.

“Imfundo ayiqali kumaziko emfundo, iqala kwezanto sizifundiswa ngabazali emakhaya. Ezo zinto zibalulekile ukwakha umntu, ukuze abe yinkokeli enesidima. Umntu kumele ukuba azihloniphe ukuze akwazi ukuhlonipha abanye. Into esahlula kwezinye izizwe silizwekazi le Afrika yinto esiyibiza ngokuba bubuntu,” uthethe watsho uMkhize.

Ukwathe, “Sinengxaki yabantu abathiye abanye abafana nabo kuba befuna ukuzifanisa nabo bebekade besicinezele, kuba ayingeni kubo eyokuba wonke umntu uyalingana. Kubo ukubangcono kukujongela phantsi abo bebala lakhe.”

OkaMkhize uthe ingxoxo mpikiswano mayiqhubeke, iqhutywe lulutsha, libambisane ngendima engadlalwa ngulowo, nalowo kwiphulo lokunciphisa intlupheko, ukungalinganwa, intswelangqesho, neminye imiceli mngeni yabantsundu.

johnnie.isaac@inl.co.za