Uxolelwaniso asinto yabantsundu

UXOLELWANISO asiyonto yabantsundu. Oko kuvele kwingxoxo mpikiswano ngenkqubo yoxolelwaniso yeloMzantsi Afrika ebibanjwe kwiziko iSteve Biko Centre eGinsberg.

Le ngxoxo mpikiswano ibisingathwe yiSteve Biko Foundation kwakunye neNelson Mandela Foundation, ngelihlaba amadlala ngenkqubo yoxolelwaniso yeli.

Kukho iimbono ezahlukileyo zabantsundu kweli, phakathi kwabo baxhasa uxolelwaniso, nabo bangakaxoli ngelithi abantsundu bafanelwe yimbuyekezo.

URomeo Gumede oligqwetha elilwela amalungelo oluntu, uthe ayikho into enokuze ixolise abantsundu, kuba kwimbali yethu ayibalulwa into yoxolelwaniso.

UGumede uthe, “Kwangaphambi kokufika kwabamhlophe zazikhona iimfazwe, kusilwa abantsundu bodwa. UMzilikazi wabaleka kweli wayozimela kwilizwe iMatabele Land ese iyiZimbabwe ngoku, ngenxa kaShaka.”

UGumede uphinde wabalula udushe lwabaxhasi beANC eTshwane, emva kokuba lo mbutho utyumbe uThoko Didiza njengomgqatswa kasodoluphu, ngelithi alinanto yakwenza nabamhlophe.

Obemele iNelson Mandela Foundation kule ngxoxo mpikiswano uKhalil Goga uthe, ikomishini yenyaniso yenza iziphakamiso ezingazange zilandelwe ngabe zopolitiko kwaye oko kuyenza ngathi yayi yintetho nje engenantsingiselo.

Ubalule inkqubo yeBEE njengenye yeziphakamiso zale komishini, kodwa wathi ayisebenzi ngokwaneleyo ukuphumeza iimfuno zesininzi sabemi beli.

“IBEE ixhwiliwe ukuze kuxhamle nje igcuntswana ngokufanayo nendlela awayesenza ngayo urhulumente wengcinezelo, kwinkqubo yokuxhamlisa abathile,” utshilo.

Ukwathe kukho ukukhula kwemibutho yezopolitiko enemibono eyohlukileyo ngenkqubo yoxolelwaniso nafuna abamhlophe bahlawule.

UFezokuhle Mthonti ophuma kwiYunivesithi yaseRhodes, nobengomnye kwabo bebekhokele le ngxoxo mpikiswano, uthe utshintsho olubonakalayo emva ko1994 kukwanda kwemibutho yopolitiko.

Uthe ubundlobongela kwabamhlophe mabungalityalwa, kuba izwekazi leYurophu lakhiwe ngegazi labantu.

johnnie.isaac@inl.co.za