Bavutha ngumsindo oosomashishini

Oosomashishini abasakhasayo abashishina kwisakhiwo esaziwa ngeTRANSIDO eNgcobo bathi baxolele ukumila ingca emqolo abaphumi tu kwesi sakhiwo bagxothwa kuso.

Oku kuza emva kokuba befumene incwadi evela kwinkundla kamantyi kule dolophu ibazisa ukuba umasipala ufake isimangalo ngakubo emva kokuba bezithathele ngaphandle kwemvume izitshixo kubasebenzi benkampani eqeshwelwe ukuhlaziya esi sakhiwo.

Ngokwengxelo kaBantu Songa okuluhlu labamangalelwa nokwalilungu lombutho wabahlali iSANCO uthi ukukhutshwa kwabo kwesi sakhiwo nabaneminyaka besisebenzisa ayamkeleki kwaphela.

Uhambisa athi “Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu abashishina apha, bonke ngamalungu eSANCO yaye abanye baneminyaka belapha, xa kuthiwa mabaphume kuthiwa mababheke phi bazondle ngantoni iintsapho zabo”. Uyavuma ukuba beyiSANCO bazithatha ngesinyanzeliso izitshixo zamagumbi alungiswe agqitywa ngumasipala ngesizathu sokuba babekhutshelwa ngaphandle kungavunywa ukuba bawasebenzise.

ISANCO igxeka ngelithi akukho thethwano phakathi kwabo nomasipala, babone bephoswa enkundleni. Balikhabela kude ibango elithi esi sakhiwo sesikamasipala bathi banawo amaphepha abazakuwaveza enkundleni angqina ukuba abo bangaphakathi banelungelo.

Ovela kwikomishoni yamalungelo abantu uNombulelo Taleni uthi aba somashishini banelungelo lokulwa nesi sinyanzeliso sokukhutshwa kule ndawo ngaphandle kokwaziswa ngendlela.

Uthi ‘’Ndizamile ukudibanisa umasipala naba somashishini kodwa umasipala akavumi, yonke le nto iza- kugwetywa yinkundla”. Usodolophu uLamla Jiyose uthi ukuhlaziywa kweTransido kwenzelwa ukuba abantu baqeshe la magumbi ngeenjongo zoshishino ukuze kukhuliswe uqoqosho lwale dolophu. Ityala lizakuxoxwa ngomhla wama-28 kule nyanga.