‘Ayamkelekanga intetho ekhatshwa yintiyo’

WONKE ubani unelungelo lokuvakalisa izimvo anqwenela ukuzivakalisa, kodwa ikhona imida – into ethetha ukuba amazwi anentiyo akavumelekanga ukujoliswa komnye umntu.

Oku kuvele kucweyo obelukhwetywe yiFreedom of Expression Institute (FXI) kwisixeko saseMonti kusuku layizolo.

Olu cweyo beluzinyaswe ngoonondaba abakule ngingqi kuquka namanye amaqumrhu asekuhlaleni.

Iinjongo zolu cweyo, ibikukuxoxa ngemiba efana namazwi entiyo athi enziwe luluntu kumaqonga onxibelelwano kwanokuba yintoni kanye intetho enentiyo

USheniece Linderboom wakwaFXI uthi kubalulekile ukuba iintatheli zazi banzi ngamalungelo okuthetha ngokuthe gabalala.

Uthi iintatheli kufanele ukuba zibenolwazi lokuhluza phakathi kwentetho enentiyo kwakunye nelungelo lokuthetha gabalala.

Kumacandelo onxibelelwano afana nooFacebook nooTwitter – okanye nakweyiphi na indawo – uluntu kufanele luyazi into yokuba intetho ethobela phantsi isidima somntu ayamkelekanga.

Ukanti uNceba Bontsi weqonga lemiba yezabasebenzi kwingingqi yaseQonce nokwangusihlalo kumbutho kaPoqo wengingqi uthi indibano yayizolo ibenegalelo kakhulu kwaye imvulile kwezinye zezinto ebengazazi.

Uthi ngoku uzayokufundisa uluntu ekuhlaleni malunga nenkululeko abanayo yokuthetha gabalala, kodwa umntu ayazi ukuba intetho enentiyo ayamkelekanga.

“Luxanduva lwethu thina matshantliziyo ukuba kolo lwazi silufumanayo kwiindibano ezinje siyonika abantu bethu ekuhlaleni.

“Kuninzi ukungakhathali xa kuthethwa ngezinye zezinto ebezixoxwa apha ezifana nokungayazi naxa uthobela phantsi isidima somntu,” utshilo uBontsi.

abongile.ginya@inl.co.za