UZuma noModi bathethe ngeengxaki zobunqolobi

Iingxaki zobunqolobi kwihlabathi zibengumcimbi ophambili kwinqanaba lokugqibela leengxoxo phakathi kwenkulumbuso yelizwe laseIndiya, uNarendra Modi kunye nomongameli weli uJacob Zuma.

Le nkulumbuso ibikutyelelo laseburhulumenteni kweli ukusukela ngoLwesihlanu weveki ephelileyo nalapho ithe yangena nzulu kumacebo orhwebelwano phakathi kwala mazwe mabini.

“Ubunqolobi kwihlabathi yingxaki entsha ephazamisa intlalo yoluntu emhlabeni ngokubanzi, le ngxaki ishukumisa ngokucacileyo iziseko zentlalo,” uthethe watsho uModi.

Uthi bavumelene ukuba basebenzisane banzi ngemicimbi equka ukhuseleko lamazwe abo nokukhuliswa kweenkqubo zorhwebelwano noshishino phakathi kwala mazwe.

Ukanti uZuma uxelele amajelo eendaba ukuba ubuhlobo babo nelizwe laseIndiya buqinile kwezorhwebo noshishino.

“Ilizwe laseIndiya lilizwe esibenzisana nalo nakwimicimbi yokukhuliswa kwamashishini asakhulayo ngokwabelana nabethu oosomashishini ngamava abo okukhulisa amashishini amancinci,” utsho uZuma.

Urhwebelwano phakathi kweIndiya noMzantsi Afrika kunyuke ngamandla ukusukela kunyaka ka2011 ukuza kuma kunyaka ka2015.

Ngonyaka ka2011 olu rhwebelwano belusenza imali ephaya kumashumi amabini anethoba eebhiliyoni zeerandi lo gama eli nani linyuke laya kumashumi amahlanu anesine eebhiliyoni zeerandi.

Ukanti iimpahla zeli ezithunyelwa eIndiya zinyuke zaya kumashumi amabini anethoba ngo2011 laza laya kumashumi amane eebhiliyoni zeerandi ngonyaka ka2015.

Oosomashishini beli bafumene ithuba lokugudlana amagxalaba kunye noosomashishini baseIndiya ngenxa yolu tyelelo lukaModi kweli ngeenjongo zokuba barhwebelane.

Lo kaModi uluqukumbele olu tyelelo kweli, kulindeleke ukuba agqithele kwilizwe laseKenya naseTanzania ngeenjongo zokuqinisa amaqhina ozakuzelwano namazwe akumazantsi eAfrika ngokubanzi.

UZuma uthi ilizwe loMzantsi Afrika likunye nelizwe laseIndiya lidlala indima ebalulekileyo ukuguqula indlela oqhuba ngayo umbutho wezizwe ezimanyeneyo.