AmaXhosa ngabantu abahlala nje benesikrokro!

AmaXhosa ngabantu bobulungisa, abachubekileyo nabayiphicothisisisayo into ukuze icace obona bunjani bayo. Nangona enjalo, ukuhlala kwawo kwizenzo zesikrokro kuhlalele ukuyigqwalisa imeko yokuchubeka kwawo.

Mntu makabe nesigulo sengqondo, into yokuqala acinga ngayo amaXhosa libulawo. Kungenjalo kucingwa ngesici senkolo neenkolelo esingazange sifezwe, okanye kucingwe ngesenzo esingamkelekanga eluntwini esakha senziwa likhaya okanye ngulowo uchaphazelekayo.

Iyacima kumaXhosa into yokuba ingqondo yenziwa kukusebenza kobuchopho ngendlela efanelekileyo, kwaye ubuchopho lilungu lomzimba elifanayo nje namanye amalungu athi abe nengxaki ngamaxa athile, ndixela wena zintso nawe miphunga nawe phaphu. AmaXhosa ke athi ekoosiyazi abe ekubakhwithsi nakubavumisi, zithi zakungalungi ezo abhenele kubathandazeli.

Ixhwele nogqirha bacingwa mva, ukuba kuthe kwacingwa ke phofu. Usuka ayekwe ke lowo mntu abeligeza apha esithubeni engasiwa lunyangweni lufanelekileyo. Akungemi umakoti womXhosa, into yokuqala ukukrokrelwa ikwazezi zicindini zenkolo neenkolelo. Kukrokrwa de kukrokrelwe nokuthomba oku kungenanto yakwenza nankolo neenkolelo. Ukuthomba ngokwemveli yako kukukungeniswa kwentombi efikisileyo ebuntombini obugqibeleleyo.

Kodwa wobona umfazi omdala ebuyela ekhaya kusithiwa uzothomba. Akazidini amaXhosa ngokwazi banzi ngemveli yokuzala komntu kwaye akayamkeli into yokuba kukho abantu abavela bengenanzala kwasezizalweni zoonina, enokuba yindoda okanye libhinqa na.

Akuzala lowo ubengazali emva kokuba kufezwe isici eso besikrokrelwa, akazidini amaXhosa ngokucinga ukuba inokuba kwenzeke ntoni na esizalweni sikamakoti okanye embewini yomyeni, nangona esazi nje ukuba loo nto yenziweyo ayinanto yakwenza nasizalo somfazi okanye nambewu yendoda.

Indoda okanye ibhinqa abachunyiswa yinyama nojiki! Kule mihla ke isoloko ingumakoti ekuthiwa makabuyele kokwabo ayofeza okukrokrelwayo, akukho nto ikhunjulelwayo ngakumyeni. Kanti ke mandulo wayekhunjulelwa umfana, de kumenyelelwe ukuba enzelwe inceba ngabantakwabo, kuthi kwakuba seluhayeni ke kube kukhona kujongwa ngakumakoti.

AmaXhosa akazange azidina ngokufuna ukwazi ukuba umntwana lo umele kuyeka ukuchama elele xa eneminyaka emingaphi na, nangona engazange abona mntu uchama elele de aluphale.

Akazidini ngokwazi ukuba mangaphi na amalungu omzimba asebenzayo ukuze abe umntu uyaphakama ayochama, kwanokuba ukuba kuthe kwakho elisilelayo kulo malungu kumele kubakho ingxaki.

Akazidini ngokwazi ukuba kutheni na ixhegwazana nokuba lixhego lisuka lifikelwe kukumana lishiywa ngumchamo nje.Ndingazibala zibe ninzi ke izikrokro zamaXhosa. Kambe ke, nayiphi na ingxaki engaziwayo iyakrokrelwa kakade ze kulingwe naliphi na icebo engathi linganceda. Kodwa okana kuyinkunzi nokubaluleke nangaphezulu kukuphuhliswa kwengqiqo yesizwe sethu ngokuthi kukhuliswe ubunkcubabuchopho bethu, kudediswe ukuqamela ngesikrokro okugqubayo.

Ukhanyo lomlungu lusikrobise kwizinto ezininzi zobunkcubabuchopho babelungu nekulawula bona ke kule mihla. Inkululeko ke isivulele amathuba amaninzi ukuba singasileli ekuzidapheleni kobo bungcali songeze kubunkunkqele bethu sitsho sibe ziingqondi nangakumbi kunabangeneli bethu.

Asibobukrelekrele ukubambelela kwizikrokro nasekuhlaleleni ukutyhola izici zenkolo neenkolelo zethu zakungahambi ngesiqhelo izinto kubeni sinawo amathuba okuphanda banzi sifumane eyona nyani ngezinto-yinto ezazingaziwa ngoobawo. Kukuthini ukuhlalela ukuqhwitsha ngovithi necwilika ngelixa imatshisi sele ikhona!

Siziinkcubabuchopho ngemveli, kwaye sinemizekelo emininzi esingayibalayo kubunzulu-lwazi bethu obufike bangqinwa zizizwe zokhanyo ekusingeneleni kwazo, masinganyali ke ukubukhulisa nangakumbi obo bunkcubabuchopho bethu.

Ndiyazi ke ukuba ndiphose ikati phakathi kwamahobe ngokubangula ngolu hlobo! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.