UHlomla Dandala kwiScandal!

Wemka uTumisho Masha, wagaleleka uHlomla Dandala! Nangona uDandala amkelwe ngothakazelelo ngababukeli bomdlalo we-e.tv iScandal!, kodwa abanye babo bavakale besithi benziwa abantu abamuncu, nanjengoko bebesazama ukonwabela indima kaHector Thebe ibidlalwa nguTumisho Masha kulo mdlalo, nandima yakhe iphele ngephanyazo lweliso.

IScandal! ayiphozisanga maseko nakwesi sihlandlo nanjengoko itsale uHlomla Dandala, nongomnye wabadlali abaziwayo kumabonakude weli. Kuvakala ukuba uDandala uzakudlala indima kaKingsley Siseko Langa kulo mdlalo kamabonakude. UKingsley ligqwetha lamalungelo oluntu neliyinxalenye yosapho lakwaThebe. Yindoda yamazwi ambalwa elwela abo bangajongelwe ntweni kwaye ekholwa bubulungisa. Akanalo ixesha lokuba yindumasi, ngumntu ozithobileyo ongawathandiyo amehlo amaninzi, kwaye kunjalonje ubekekile, enobunene.

UHlomla sele engaphakathi esenza iziqendu zakhe kwakwinyanga yeSilimela. Kaloku wayefudula engumlawuli weScandal!. Wena ke uzakuqala ukumbona ngoLwesihlanu, 29 kweyeKhala 2016.