Umboniso ongoRuth First eRhini!

Amatsha-ntliziyo amaninzi eMzantsi Afrika, nawayekhona kumzabalazo wokunyevulela ingcinezelo, zange afumane thuba lokubona uMzantsi Afrika wentando yesininzi, nabawulwelayo nzima. Kodwa noxa kunjalo, ilizwi labo lisaphila.

Abantu abafana nooSteven Bantu Biko, Albert Luthuli, Robert Sobukwe, no- Chris Hani basaqhubekeka ukubangabanye babantu ekucatshulwa kumazwi abo ngokunjalo nabanefuthe kulutsha lanamhlanje.

Imifanekiso kunye namazwi abo, igximfizelwa kwizikipa, iibhegi kwaye ipapashwe nasezincwadini…begcina amazwi abo kunye neenkolelo zabo ziphila. Amanye ala madela-kufa abanjwa, angcungcuthekiswa, abhaca kwaye bambi babulawa ngamapolisa exesha lobandlululo.

Babephila ubomi bentshontsho, bebaleka, bezimela, besakha amayelenqe, bephepha iimbumbulu kwaye besohlulwa kwabo babathandayo. Abanye babo bahlala bezimisele, kwaye beqinile ukulwela uMzantsi Afrika olinganayo kwiintlanga zonke.

Bahlawula ixabiso elingqingqwa ngendelelo yabo, nto leyo yashiya amanxeba anzulu anganyangekiyo kubo neentsapho zabo.

URuth First, intatheli, isifundiswa kunye netshantliziyo lezopolitiko, ngexesha lengcinezelo, waziwa kakhulu ngomfanekiso wakhe ombala umnyama namhlophe, izandla zakhe zivale iindlebe zombini kwaye enenkangeleko ebonisa okuthile kubuso bakhe.

Ungomnye wamatsha-ntliziyo ahlonitshwayo kwipolitiki yoMzantsi Afrika, nawayeyi nxalenye yomlo wokubhukuqa urhulumente wengcinezelo. Inkosikazi kwitshantliziyo elalijijisana nengcinezelo uJoe Slovo, uRuth ukwaqatshelwa nanjengenkosikazi yokuqala emhlophe ukubanjwa phantsi kwegatya leentsuku ezingama-90 (90-Day clause).

Kaloku umthetho wawuwavumela amapolisa oMzantsi Afrika ukuba ambambe umntu ozibandakanya nolwaphulo-mthetho lwepolitiki ngaphandle kwesigunyaziso.

UFirst, noyinzalelwane yaseRhawutini, wabanjwa ngeyeThupha ka1963, waze wenziwa ikheswa iintsuku ezingama-117 yiSouth African Police Special Branch kwiintolongo zaseRhawutini nasePitoli phambi kokukhululwa kwakhe.

Umdlalo weqonga osukela kwincwadi yakhe ‘Ruth First:117 Days uboniswe kumNyhadala wobuGcisa kaZwelonke waseRhini (NAF) kule veki.

Lo mboniso olinganiswa nguJackie Rens, yimizuzu engama-75 emide yokuveza ixesha likaRuth ngethuba elilolo entolongweni.

Nalapho wayechitha iintsuku zakhe ethe ntshoo ixesha, ebala iintsuku, imizuzu nemizuzwana… efuna ukugqiba ixesha lakhe entolongweni.

URens’ usizobela kakuhle umfanekiso-ngqondweni wexesha likaRuth lokuthotyelwa phantsi, lokuxinwa ngemibuzo nokuxhatshazwa ngokwasengqondweni ngababambi bakhe, nababezimisele ukumophula.

Lo mfanekiso usidandalazisela kakuhle inkosikazi eyayithe gqolo isilwa nokungabaza kwangaphakathi okwakusenziwa bubulolo, nokohluthwa indlela yokucinga ngokunjalo nokutyhalela ibhantinti ukuba livume izono.

Amapolisa wombuso ayemngcungcuthekisa ubani ngokwenza izinto ezifana nokumohlutha ubuthongo kwaye amenze de avume ukona.

Kodwa uRuth zange ancame. Wachitha iintsuku ezikhathaza ngabantwana bakhe kunye nomyeni wakhe, ezibuza ukuba ingaba amanyathelo wakhe wokungatsho ukuba unento yokwenza ne-African National Congress (ANC) awazokuba nemiphumela emibi kusapho lwakhe kwisinina. Wade wacinga nokuzibulala.

Lo mboniso, noqulunqwe ngumlawuli nomenzi wawo uMarcel Meyer, uFred Abrahamse, umvelisi kunye nombhali uCharl-Johanlingenfelder, ukwenza ucuphe esitulweni.

Lo mdlalo uqala kanye xa uRens onxibe ilokhwe emnyama ehleli kwisisele sakhe esincinane, nengathi singamfuthanisela.

Imifanekiso embala umnyama namhlophe yalowo wayengumongameli weli uNelson Mandela kuquka namanye amatsha-ntliziyo wamalungelo oluntu aquka uMalcolm X, ikwibhokisi yocingo ejinga entla kwakhe.

URens wenza umsebenzi omhle wokutyhila uRuth njengomama onothando nenkosikazi ekrelekrele nomntu owayezimisele.

Kanye emva kokukhululwa kwakhe, uRuth wasinga elubhacweni eLondon, nalapho wafika wazibandakanya neBritish Anti-Apartheid Movement. Waze kamva wabulawa yibhombo eyathunyelwa kuye eMaputo, eMozambique nalapho wayesebenza khona.

I- Grahamstown National Arts Festival iyaqhuba de kube ngomhla we-10 kweyeKhala 2016.