Kutshayiswe umntwana yimoto wabhubha

Amapolisa aseMsobomvu eGcuwa avule ityala lokubulala ngokungenanjongo emva kokuba kuthe kwatshayiswa intwazana eneminyaka esixhenxe yiveni ngeCawe emva kwentsimbi yokuqala emini, eNkwezela Road kwilokishi yaseMchubakazi eGcuwa.

Iigxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neendawo ezingqongileyo uKapteni Jackson Manatha uthi, le ntwazana ibizidlalela nabanye abantwana endleleni ngethuba itshayiswa.

Iingxelo zithi, le veni izamile ukuphuma ecaleni kodwa yangena kuye isoyisakala. Ixhoba libonwe ngamagosa emoto yezigulane ukuba sele libhubhile.

Unobangela wengozi usaphandwa.