Amadoda oqobo anceda amantombazana

“Nangona nje inyanga yolutsha ifikelele esiphelweni kodwa kusekuninzi ekumele kwenziwe ngamadoda ukungenelela ekuncedeni amantombazana angathathi ntweni, ahlala kwimimandla yasemaphandleni.”

Oku kuthethwe nguBhishophu Tshepo Machaea okhokela iphulo lokunceda amantombazana ngezinto zokuwanceda ngethuba esexesheni.

UMachaea ebambisene noMfundisi Mzukisi Faleni bahlabe ikhwelo kutsha nje, becela amadoda afake isandla ekuncedeni ukuhlangula la mantombazana ekuvakala ukuba agqibela engayi esikolweni iintsuku eziliqela ngenyanga ngenxa yokoyika ukuhlekwa kuba bengenazo izixhobo (sanitary pads) zokuzinceda.

Kweli phulo kuzokuqokelelwa isigidi se-sanitary pads ukuze zisiwe kwindawo ezifana neLusikisiki,Xhora nezinye kweli phondo.

Ngokwengxelo kaMachaea, wakrwecwa yintombazana yendawo yaseLusikisiki eyenza ibanga leshumi, imxelela ngale ngxaki echaphazela izifundo zayo, wathatha isigqibo sokubhenela kumadoda oqobo ukuba makangenelele.

“Eyona njongo yethu singabefundisi namadoda oqobo, kukuqinisekisa ukuba la mantombazana afumana uncedo.

“Okwesibini sikwiphulo lokuguqula iingcinga zamadoda ayeke ukuhlukumeza abantu basetyhini, logama sibuyisa isidima sabantu basetyhini.

“Eli phulo lisahamba kakuhle amadoda neenkampani ayasifaka isandla, sicela nabanye baphose kweli phulo lamadoda,” kutsho uMachaea.

Kwiveki ephelileyo, inkampani Lim’vume Construction ezinze eQokolweni kufutshane naseMthatha, izeke mzekweni, yanikezela ngeSanitary towels ezingaphezulu kwamawaka amahlanu, amakhulu amane namashumi asixhenxe (5 470) ngeenzame zokuxhasa kweli phulo lamadoda.

Umnini wale nkampani uZondwa Nqeketo uthi, bazibone bengenakuthula bangancedi abantu abangathathi ntweni .

Uthi abantwana abahlala nomakhulu ezilalini nabo ngabantu, lo nto inyanzelisa nezinye iinkampani zifake isandla.

Iyonke imali echithwe yile nkampani ingaphezulu kweR10 000.