Iqaqobana kumthandazo weDA

IBE liqaqobana labantu abathe bazimasa umthandazo obukhwetywe yiDemocratic Alliance (DA) ePort Alfred ngempelaveki.

Lo mthandazo, obubanjelwe ngaphandle kweholo yale dolophu, ubujoliswe ngqo koPhezulu ukuba asikelele unyulo loomasipala oluza kubanjwa kwisithuba esingangenyanga ukusukela ngoku.

Noxa isimemo besikhutshwe saya nkalwana zonke, liqaqobana nje labantu elithe lasabela.

“Wonke umntu ebevumelekile ukuba abeyinxalenye yalo mthandazo kuba ulonyulo luchaphazela wonke umntu,” kutsho uKhanyisa Daweti onguceba phantsi kweDA ePort Alfred.

UDaweti uveze ukuba ayibaphathanga kakubi into yokungaphumeleli kwabanye abantu, kodwa bona bayavuya kuba bakwazile ukuthandazela ulonyulo olunoxolo nokunyamezelana kubantu beli jikelele.

Nangona ebengabonakali ndawo amalungu amanye amaqela ezopolitiko, kuqapheleke ilungu le-ACDP nelingumgqatswa walo mbutho kule ndawo yasePort Alfred, uLeon Coetzee nothe ufumene isimemo kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.

“Umthandazo awudingi bantu baninzi ukuze uThixo awuve, siyayazi uzivile izicelo zethu,” kutsho uCoetzee.

URaymond Schenk uceba weDA kwaWadi 10 eNdlambe, uthe lo mthandazo ubukwakhwaze nakunomathotholo wasekuhlaleni kule ndawo, kodwa nkqi ukusabela abantu.