IiLions zikulungele ukubuyela kwiSuper Rugby

Kule mpelaveki siya kuyo iSuper Rugby izakuphinde iqale apho ibiyeke khona.

Umbuzo omkhulu ngowokuba, ingaba ikhefu lenyanga ebelithathwe ngabadlali liza kuli chaphazela njani na ukhuphiswano.

Elona qela belihamba phambili kwaye lisenza iziqwenga phambi kokuba kuthathwe eli khefu ziiLions eziqeqeshwa nguJohan Ackerman.

Eyona nto azakuba nomqweno wayo lo mqeqeshi kukuba iqela lakhe liqhubekeke apho beliyeke khona kwisiqingatha sokuqala.

Ikapteni yeeLions, uWarren Whitely, kunye nabadlali bakhe kumdlalo wokugqibela babethe iiBulls, eLoftus ngo’56-20 kulandela impumelelo yokubetha iJaguares neeBlues kwimidlalo engaphambili kwalowo.

IiLions ngoku zisifumene isingqi sazo, kwaye zidlala kakuhle kakhulu. Zikwazile ukuqokelela amanqaku aneleyo ukuba zihlale ezantsi kweCrusaders kuluhlu lwamaqela eSuper Rugby.

Ukuza kuthi ga ngoku, iiLions ziphumelele izihlandlo ezilithoba kwimidlalo yangaphandle elishumi elinambini.

Eli qela libekwa phakathi kwamaqela azakugqiba le sizini ephezulu kwiSuper Rugby.IStormers zona zibuyela emdlalweni zinamanqaku angamashumi amathathu anesixhenxe ziphumelele imidlalo esixhenxe.

IiSharks zona zikwindawo yesithathu namanqaku angamashumi amathathu anesihlanu, nazo ziphumelele imidlalo esixhenxe.

IiBulls ezinamanqaku angamashumi amathathu anesibini, lelona qela kufuneka lisebenze kakhulu ukuba lifuna ukuya kwimidlalo yee-playoffs. Yonke lo nto kufuneka bayenze kwixeshana elingangeveki.