Liqhubeka kwiphepha 3

“Phantsi ngeBlessers ezixhaphaza amantombazana asakhulayo angakwaziyo ukuzithathela izigqibo ngeempilo zawo, bebosulela ngezifo ezifana nogawulayo.” Oku kuthethwe yinkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle ngethuba esenza intetho ephambili ePort Alfred ngethuba kuqhutywa umsitho wokuvala inyanga yolutsha.

“La mantombazana osulelwa ngesi sifo ngabantu abadala (Blessers) bebaqhatha ngokuthi bayabathanda kanti bayabaxokisa bafuna ukubaxhaphaza,” ucacise watsho uMasualle.

Le nkulumbuso ithethe nabantu abatsha abangaphezu kwewaka abebephuma kwiimbombo zone zephondo leMpuma Koloni.

Uthi liphezulu inani lamantombazana achatshazelwa sisifo sikagawulayo ngenxa yokosulelwa ngabantu abadala kubo ngokubaxokisa.

“Kufuneka sisebenzisane senze amacebo okukhulula aba bantwana kule ngxaki yokuxhatshazwa ukuze baphile ubomi obukhululekileyo,” itsho inkulumbuso.

Le nkulumbuso ithi, nooBen 10 nabo babangela ingxaki entlalweni yoluntu ngezabo iindlela.

“Kukho naba kuthiwa ngooBen 10 nabo siyeva ukuba bayaxhatshazwa okanye bayaxhaphaza, yonke le nto mayiphele makuhlalwe ngentlonipho nozinzo,” uthethe watsho uMasualle.