Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ndisiya ezilalini ndikhwele itaxi, ingathi le taxi indihlise kwisistop esikude kunekhaya lam kwaye kusebusuku, ngoku ndafikelwa kukoyika ngoba kumnyama xa usiya ekhaya kufuneka wehle ubheke ezantsi, hayke nyhani ndade ndazincama ndehla, kuthe apha ekuhambeni kwam ndabona abantu abazigqume ngeengubo ezimnyama bejikeleza umthi wakwatatomncinci wam.

Ndiye ndoyika mpela ke ngoku kodwa ndaqhubeka nohambho lwam, kuthe kusenjalo ndadibana nomzala wam oyintombazana sele esithi gqi phambi kwam endibuza ukuba ndivelaphi ebusuku, ndabe ndimxelela ukuba ndivela eKapa, ndambuza ukuba wena uvelaphi ebusuku, phofu uthe gqi ngakwindlu kamalume wam le ibinaba bantu bajikeleza umthi bazigqume ngeengubo ezimnyama, wathi hayi, uyazihambhela nje, nyhani ndaziva ndikhuselekile ndahamba naye, kuthe xa sizongena ekhaya ndabona izinja ezininzi zihleli phambi kwamasango asekhaya, kwezo zinja kukho engubathathe eyafa ngo 2010, sangena nomzala ekhaya,.

Sithe sisahambha ndeva kuvulwa ucango, kanti kuvula umakazi wam ongakwazi kuthetha wabe ethetha ngezandla esith mandiyolala endlini enkulu, ndabe ndisithi kuye hayi ndifuna uzolala nawe apho eflethin, wathi hayi mandilale endlini enkulu, wade watshixa nocango lwegumbhi lakhe, nyhani ndahamba ndayolala endlini enkulu,.

Apha endlini enkulu ndibone sekugcwele abanye abazala bam nomalume wam kunye nenkosikazi yakhe phofu umalume akavani nenkosikazi yakhe, kwaye inkosikazi iyazihlalela ayisahlali apha ekhaya, kodwa apha ephupheni bekonwatyiwe kakhulu bevana kakhulu kuhlekwa kumnandi.

Impendulo: Camagu. Wena kaloku utyunjiwe likhaya ukuba uthathe uxanduva lokulungisa amahlaba akowenu.

Kuba iphupha eli libonisa ukuba ikhona ungxubakaxaka phakathi ekhayeni. Le ngxubakaxaka isenokubangelwa kukungavisisani malunga nomakwenziwe ukulungisa ikhaya, okanye imicimbi yamabango aqondene nekhaya.

Le nto ngoku ide yabangela ukuba nezihlwele zenu zifune ukukhalala kwa ikhaya elo. Kuba le ntswela-mvano ibangela ukuba ningananzi imisebenzi yabo.

Eli phupha ningalithatha njengesilumnkiso esingxamileyo nesingqale nqo kwaba bantu bakulo iphupha eli, ukutyeshela umyalelo weli phupha kuzakuzisa inyhikityha yokufa kwikhaya lakho. Thabathani ke iintonga niye KooSyazi. Chosi!

Iphupha: Camagu Tata ndicela undilawulele eli phupha, ndisoloko ndiphupha ndinosana oluyintombazana ndiphupha ndiluncancisa ide ibengathi luyaphuma manyhani ubisi, sometimes ibe ngathi ndicofa isisu sam and ndiva intloko yomntwana.

Impendulo: Camagu sisi. Asiphupha lihle eli kuba libonisa imbopheleleko kwicala lakho.

Kukho umoya ongendawo nokurhangqileyo obangela ukuba izinto zakho zingahambi ngendlela ozihlele ngayo. Kuzakufuneka ukuba uthathe iintonga uye kooSyazi okanye kwiinkonzo ezihlambulula abantu ukuze uncedwe ekubeni kusuke eso simnyama sikuphahlileyo. Chosi.

Iphupha: Ngathi, ndiguqe phantsi komthi ekhayeni nonkosikazi. Ngathi ndilahla amathambo, ndiyavumisa, yena uhleli ecaleni kwam naye ndiyambonisa, emana endibuza ndimcacisela.

Impendulo: Iphupha eli kungenzeka ukuba lichazela wena noNkosikazi wakho ukuba kukho ingxaki eninayo, thabathani iintonga niyokuva ukuba lithetha ukuthini.

Ukanati ukuba wena ungumntu omhlophe iphupha eli likwakunika umkhomba-ndlela kwimeko yesiphiwo sakho. Ungathi ke ulixoxe negqirha elikuphehlayo okanye uye kulowo uyimboni akutyebisele kabanzi.

Iphupha: Ndicela ukulawulelwa apha. Ndiphuphe umama wam owaswelekayo endinxibisa izihlangu, endiphathisa nempahla eshushu, enawo namazwi athi, nxiba shushu sana lwam kuba le ndawo uya kuyo iyabanda.

Xa ndiphuma eyadini kuba ndisiya kolu hambo nde gqi ngosana lwam olwaswelekayo lusithi luyandikhapha. Xa ndifika ebus stop ucele iiHugs phambi kokuba ndikhwele imoto.

Xa ndisehla ndihlangatyezwa nguBhuti wam owaswelekayo naye esithi, ndithi mandikukhaphe kuba la mathafa uzohamba kuwo anobungozi, sithe sisahamba sathi gqi ngabantu abavunayo, abanye bayaphila kodwa bebevuna umbona owomileyo or olungele ukuvunwa. Lithetha ukuthini eli phupha?

Impendulo: Chosi ndivumele ndithi okwangoku zinizi iizinto ojongene nazo. Unoxanduva olukhulu kwaye namandla akho ayetha ngenxa yokungafumani nxaso kwamanye amalungu osapho.

Iphupha eli liza emva kwamzwi akho asolayo nanemibuzo eliqela nequka ukuba “Kanti aphi amathile njengoba ndisokola kangaka” ude ucinge uwedwa amaxesha amaninzi. Ngoku iphupha eli liyakwazisa ukuba izihlwele zakho zinawe kuyo yonke indlela yakho, kwaye xa kungoku babumba impumelelo yakho.

Wena ncedisana nabo ngokuba ube- nomonde kuba kuninzi abakubumbayo nekulungiselelwe wena. Camagu!

.KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo.