Iqinisa ubunganga bayo eNgcobo iANC

Amalungu ombutho weANC abuthelelene kwidolophu yaseNgcobo ngoMvulo ukuza kwazisa ngokusesikweni abagqatswa abazakuvotelwa kulonyulo loomasipala kwingingqi iChris Hani iphela.

Lo mcimbi ubuzinyaswe ngabagqatswa bomasipala waseNgcobo, Intsika Yethu kunye nabomasipala ombaxa iChris Hani. Amagqala alo mbutho, ulutsha, oomama kunye neCOSATU bathi bamile abagungqi bawuxhasa ngokupheleleyo lo mbutho.

Usihlalo weCosatu kule ngingqi uLwazi Mditshwa uthe: “SiyiCosatu sixhasa abantu abonyulwe ngumbutho asixhasi ziqu zabantu, abantu mabohlukane nokuthi bakungaxoli ngamagama abantu abonyuliweyo bancame umbutho babe ngomth’izimele okanye balandele imibutho ephithanisa iingqondo zabo.”

USibongile Mbotshane wolutsha uthe: “Silumkisa ulutsha ukuba lungalahlekiswa ngamalungu ombutho othile agxothwa kwiANC ngenxa yentswelambeko.”

Usihlalo weANC kwingingqi yaseChris Hani nokwangumgqatswa walo mbutho kwisihlalo sokuba ngusodolophu womasipala ombaxa iChris Hani uKholiswa Vimbayo uthi indlela ehanjwe ngulo mbutho icacile, kodwa bazokukhumbuza nje abantu ukuba lo mbutho uhambe indima engakanani na.

Uqwele ngokukhuthaza oomama ukuba baxhasane, uninzi lwaba bagqatswa baziswe ebantwini ngoomama.

UVimbayo uthi amavolontiya alo mbutho aze ancede angabajongeli phantsi abantu xa bengena umzi nomzi becela iivoti, kunjalo nje kungabikho lungu leANC libiza igama lomnye umbutho kule mizi.