UReggie usendleleni eya kuMhlobo

UMSASAZI kanomathotholo nomphathi wamatheko uNkosinathi ‘’Reggie’’ Solani, kuvakala amarhe okuba usendleleni eya kwisikhululo sikanomathotholo uMhlobo Wenene FM.

Ezi ngxelo zichulumancisayo, besele zithe saa kumakhasi onxibelelwano ngenjikalanga yangoMvulo.

Naye uSolani akakhange atye tyum ngeendaba zokuzibandakanya nesikhululo sikanomathotholo, ubhale kwikhasi lakhe likaFacebook esabelana nabalandeli bakhe ngezi ndaba, kodwa akabiza sikhululo ngagama. Kodwa noxa kunjalo, akafunanga kuphefumla ngezi ndaba, wasiyalela ukuba siqhagamshelane noMhlobo.

USolani, 34, wayefudula engumsasazi wesikhululo sikanomathotholo iTruFM iminyaka elishumi.

Wakhutshwa ngosomvane sesi sikhululo kweyeDwarha kunyaka ophelileyo, nalapho satyhola lo kaSolani ‘’ngokophula imiqathango nemigqaliselo yesivumelwano sengqesho.”

UReggie, noyinzalelwane yaseRhafu, unamava ekubhexesheni iinkqubo eziliqela kunomathotholo, kuquka inkqubo yeAfternoon Drive, iBhrakfesi kunye neenkqubo zomculo.

Abazaziyo izinto bathi ungena kuMhlobo njengomdidiyeli wenkqubo yasemin’ emaqanda kaAmaza Ntshanga noNonala Tose – uSijikilanga (SJL).

Kaloku le nkqubo, yashiyeka ingenamdidiyeli emva kokushiya kukaLuks Gidane kwesa sikhululo.

UGidane, nowayesele eneminyaka esondeleyo kwishumi elinesihlanu ekunye noMhlobo Wenene, waye wazibandakanya neTruFM ezinze eBhisho, engena kwiinkqubo bezifudula zisenziwa nguSolani.

Iindaba zokungena kukaSolani kuMhlobo Wenene FM, zamkelwe ngochulumanco ngabalandeli bakhe, bambi besithi “oku bekufanele ukuba kudala kwenzekile, nanjengoko uSolani esaziwa ngetalente yakhe kwezosasazo”.

Eli phephandaba lizamile ukufumana ilizwi eliphuma kuMhlobo Wenene, kodwa lawa phantsi. “Ndikwintlanganiso okwangoku, uzuphinde undizame emva kwemizuzu elishumi elinesihlanu,” utshilo uMphathi-Nkqubo kuMhlobo uSiya Fikelephi, kodwa kwaphela iiyure emva koko imfono-mfono ikhala epalini.

Ngelixa yena uFaith Ngandi onguManejala kwicandelo leeNtengiso ethe “bazakukhupha ingxelo ebhaliweyo (press release) kwiveki ezayo.”

Siyavuyisana noM’ Rejeje, ngethemba esi sisiqalo seziqhamo ezintle kwisakhono sakhe!