Uluvo: Intengiso yeDA yonyelisa abantsundu

Nokuba andizazi izizathu ezikhokelele ekubeni iSABC yale ukupapasha intengiso yombutho iDemocratic Alliance, kodwa ndiyasixhasa esi sigqibo.

Le ntengiso ibole bhutyu zizenyeliso nocalucalulo olujoliswe kubantu abantsundu.

Olu calucalulo lwenzelwe ukubonisa lo mbutho nabantu abamhlophe njengeengilosi ezizokhulula abantu abantsundu.

Le ntengiso ithetha ngenkqubela eyenziwe ngulo mbutho ngakubantu abahlwempuzekileyo nabakhubazekileyo kwiindawo enegunya lokulawula kuzo.

Isikhwasilima ke apha sesi sokuba kuvezwa abantu abantsundu qha xa kuthethwa ngabantu abahlwempuzekileyo nabangathathintweni.

Aba bantu bahlwempuzekileyo bamelwe ngumntu ontsundu wasetyhini onomntwana, abakhubazekileyo bamelwe ngowasetyhini ontsundu okhubazekileyo nokwahamba ngesitulo.

Lo sontengiso wenza ngathi uluntu oluhlwempuzekileyo kwisixeko saseKapa nakwiphondo laseNtshona Koloni ngabantu abamnyama, abahlala ezilokishini qha.

Lo mbutho weDA uphembelelela indlela enechaphaza ekujongwa ngayo abantu abamnyama abangootata, abahlala bengekho xa iveza umntu wasetyhini oselula ebambe umntwana yedwa.

Le nto ishiya umbuzo wokokuba uphi na utata wolu sana?

Xa isiya ekupheleni iphinde yenze enye intsingiselo yegunya nocalucalulo ngokuveza owasetyhini webala efunqula umntwana ontsundu, le yindlela lo mbutho okwekwa ngayo usithi abantu abantsundu bafana nabantwana ekumele baphathwe yiDA ukuze baphume entluphekweni.

Kananjalo, kunzima futhi ukungaqapheli ukuba xa iqala le ntengiso uluntu oluntsundu lutshayela, luphinde luthuthe imigqomo, naxa iphela kukho abantsundu abatshayela iindlela bekwathutha nemigqomo.

Abavoti abantsundu, ingakumbi ulutsha kumele luhlabe lukhangele, lungalahli imbo yalo ngophoyiyana, kumele luqaphele luphinde luqwalasele, ingathi kanti oku kugxininisa ekutshayelweni kwezitrato, noku thutha imigqomo yinto ebalindeleyo xa bethe bavotela umbutho weDA.

Lo sontengiso akumelanga ukuba avezwe kwizikhululo zikawonke-wonke ngoba ubole bhutyu lucalucalulo, kwaye awusakhi isizwe soMzantsi Afrika.