Uyangcwatywa uNkosi Mtirara

Uzakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngomso uNkosi Jongikhwezi Ntande Mtirara emva kwengulo emfutshane.

Othethe egameni lekomkhulu labaThembu uNkosi Daludumo Mtirara uthi ukushiywa yile nkosi yilahleko engenakuchazwa.

“Ebesebenzela umanyano, imvano noxolelwano ngamaxesha onke esizweni saba- Thembu, silahlekelwe ngenene kukushiywa nguye,”ucacise watsho uMtirara. Le nkosi yenye yeenkosi ezinamava, endala kwesi sizwe sabaThembu, kwaye ebesoloko ezibonakalisa ngomsebenzi wokuxolelanisa kweli khaya, itshilo ingxelo.

Le nkosi ishiya ngasemva iNkosikazi yayo uNomonti nabantwana ababini, uzakubekwa kumangcwaba akomkhulu eMatyenengqina eMthatha.

Oku kwenzeka kanye ngexesha isizwe saba- Thembu sijongene nengxaki yokwahlukana phakathi ngenxa yokuba bengavumelani ngomntu ozakubambela iKumkani yesi sizwe.

IKumkani yabaThembu ingene eluvalelweni ngo- Disemba wonyaka ophelileyo emva kokulahlwa lityala lokuphazamisa ingalo yomthetho, nokutshisa imizi yabantu.

Esa sizwe sehlukene phakathi ngoyena mntu uzakubambela le Kumkani abanye bethethelela unyana weKumkani uAzenathi Dalinyebo ukuba abambele uyise lo gama abanye bethethelela uMankunku Dalindyebo ukuba athathe esi sikhundla.