Isigwebo kowadlwengula intwazana ena-3

Inkundla yengingqi yaseTsomo imgwebe ubomi ejele uMposiso Mpinda emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka emithathu (3).

Esi sehlo senzeka ngenyanga yeSilimela ngo2014 kwilali yaseMtsheko apho eTsomo.

Iingxelo zithi uMpinda, oneminyaka engamashumi amane, wachwechwela lo mntwana ngethuba wayedlala nabanye ngasebuhlanti, wamrhuqela kwibhodlo elikufuphi wamdlwengula.

Unina womntwana waqaphela ukuba lide ixesha engayiboni intombi yakhe. Ekukhangelisweni ngabantu, kwabhaqwa uMpinda emgqubagqubane luthuthu lweli bhodlo, edlwengula le ntwazana.

Abahlali bavukwa ngumsindo sesi sehlo, bathabatha uMpinda bamsa emapoliseni wabanjwa.

Isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali uthi bayasamkela esi sigwebo.