Baxhwithana ngevoti yolutsha

Ukusatyelwa kwekhwelo lokuba makubhaliselwe ukuvota ngabantu abatsha ngelixa iKhomishini Yolonyulo ibibekele bucala iimpelaveki ezimbini ngoFebhuwari nangoEpreli ukubhalisa abavoti yinto encomekayo nekhuthazayo njengoko ilizwe lijonge elonyulweni loomasipala ngomhla we- 3 Agasti.

Kodwa amaqela ezopolitiko kuza- kufuneka azibalule ngokuqaqambisa ubutsha bawo ukuze afumane inkxaso yabantu abatsha ngomhla wolonyulo. Kungoko isaqhuba imizamo yokukhuthaza bonke abemi beli ukuba babhalise yaye bayokuvota ngomhla wolonyulo. Injongo yokubhalisa kukuba umntu avote kwindawo ahlala kuyo.

Into engathandabuzekiyo ngohlobo lokuziphatha kwamaqela ezopolitiko kukuba asoloko esenza nantoni na ukufumana inkxaso yesininzi. Yaye ulutsha oluzakube luvota okokuqala kulo nyanka lusenganomdla wokuvota xa lungafumana amaqela ezopolitiko anezicwangciso ezihambelana neemfuno zalo, kuquka ukuxhamla amalungelo ezentlalo nezoqoqosho akhuselweyo kuMqaqo-Siseko welizwe.

Akukacaci okokuba ingaba izithembiso ezikwimiqulu yolonyulo ezithiwe thaca phambi kwabavoti kwezi veki zimbalwa zidlulileyo zinganika ulutsha izizathu eziphathekayo zokuyokuvota kusini na. Ukutshona-evela kwamaqela ezopolitiko ngokuphathelele kwizithembiso ezingundoqo kulutsha kusengakhokelela ekubeni uninzi lungabinamdla wokukhetha iqela emalilivotele okanye wokulandela ekhondweni labazali balo xa luvota, okanye wokuvota ngohlobo olufanayo nolweetshomi.

Mhlawumbi ukuvota kunganomtsalane xa kunokwenziwa ngohlobo olufanayo naxa kuvulwa ipalamente nolupapashwa koomabonakude ngokuthi iintlanganiso ezinkulu zokugaya inkxaso ngamaqela ezopilitiko zivezwe kwiinkqubo ezithandwayo lulutsha ezinjenge Kulcha Kwest, Zaziwa, JikaMajika, kunye ne Expresso. Kulapho ke iintetho zabezopolitiko zingaqala ngemibuliso ethi “Zikhiphani? Holla holla kwabazakuvota okokuqala!” Kaloku ulutsha luphila impilo eyoyame kakhulu kwitechnology, luqhele ukufumana ulwazi ngokukhawuleza, loo nto ithethe ukuba abezopolitiko kufuneka banquphe xa bethetha yaye basebenzise intetho evakalayo.

Ukweleka apho, ukuqinisekisa umdla nenkxaso yolutsha, abezopolitiko kufuneka bangapheleli ukwazi uhlobo oluthile lokuthetha nje kuphela, koko bengeze ngokugxininisa kwizithembiso ezingqamene ngqo nolutsha. Ukunikezwa kweenkonzo ezisemgangathweni zezempilo nokucwangcisa inzala, imfundo esemgangathweni, iinkonzo zezothutho lwabafundi abahlala kude nezikolo, ukulwisana nobundlobongela nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi, ukunyanzeliswa kwemithetho eqingqa iminyaka yokuselwa kotywala nokutshaywa kwecuba, ukufikeleleka kweenkonzo zokufundiswa nokufumana iincwadi zokuqhuba izithuthi, njalo-njalo.

Ukuze le miyalezo ifikelele kulutsha, makusetyenziswe amaqonga ezonxibelelwano anamhlanje asebenza ngobuxhakaxhaka be- internet. Kwakhona kunyazeliswe ukuphuculwa kohlobo lokunxiba olunento yokwenza nenkangeleko yabezopolitiko emehlweni olutsha. Kaloku abezopolitoko basengakhangeleka beqelelelene nolutsha nangesinxibo sabo, ngoko ke abo bazamayo ukunganxibi zisuti namaqhina basengaphumelela ukudlulisa umyalezo onkentezayo ezindlebeni zolutsha. Kangangohlobo ulutsha oluyixabise ngalo inkangeleko yesinxibo, lusebenzisa yona ukukhetha nkqu ootshomi.

Abezopolitiko kufuneka baqonde ukuba nangona uhlalo-lwabiwo mali kunye nemo yezoqoqosho enkenenkene zichaphazela ulutsha ngohlobo olunomahluko, iinkcukacha nengcombolo ephathelele koku ikhangeleka ikude le nempilo yemihla ngemihla yolutsha. Ulutsha luyaluva ulwamvila lokudodobala kwezoqoqosho, kodwa akululanga kulo ukukhomba owona mgaqo-nkqubo wezoqoqosho ongunobangela ngaphandle kokokuba ingxoxo ikumgangatho othetha ngexabiso le airtime, ukufumaneka koqhakamshelwano nge internet, ixabiso lamalaphu abasetyhini abasexesheni, nokunye okuhlafunekayo kwiingxoxo ngolonyulo. Ulutsha lunembali yokuzoyamanisa nezobulungisa, yaye nakwesi sihlandlo izithembiso zokuzisa ubulingisa, ukulingana kwabantu kunye noxolo zinganomtsalane kulutsha.

Okokugqibela, phambi komhla wolonyulo, kufuneka sibone uMalema noMaimane, kunye nezinye iinkokheli zezopolitiko zisenza ukhuphiswano lomculo we rap oneendawo ezithi “yobi yo’ yobi yo’ momma”. Ngalo ndlela abazakuvota okokuqala basengakhuthazeka baphume ngobuninzi ngokusesikweni nangokuzimisela ukuyokunikeza ngevoti yabo yamazibulo. Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!