Ibali losapho lakwaZinja

LIYINENE elithi izaci namaqhalo esiXhosa asekezelwe kwizinto esiphila nazo. Kwabanjalo nokufika kwethu, mna nogxa wam uPhando Jikelo, kusapho lakwaZinja kwilali iNtsimbini eNgqeleni.

Utyelelo lwethu lweza emva kokubona umfanekiso ombi kuFacebook wabantwana ababhuqwa yindlala.

Lo mfanekiso wawupapashwe nguSiyakholwa Mlamli, obesakuba ngusodolophu waseKing Sabata Dalindyebo.

Yayingumhla weshumi elinesixhenxe kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo ngethuba sifika kulo mzi unooronta ababini.

Bobabini babekwimeko embi ingakumbi lowo uhlala usapho apho wawukwazi ukubona isibhakabhaka xa ujonge eluphahleni lwendlu.

Apha kwakuhlala uNosayinileZinja (54) nabantwana abathandathu, omdala kubo uneshumi elinambini lo gama omncinci eneminyaka emibini. Abane ngabazukulwana lo gama isibini isesikaNosayinile.

Oomama babazukulwana bafulathela ikhaya bayokuhlala eRhawutini. UNosayinile waswelekelwa yindoda yakhe kwiminyaka elishumi edlulileyo.

Kwezi ntsana, isihlanu kuzo sifunda eMkhundlu JSS kufutshane nalapha. Ngethuba sifika kolu sapho, * -Olwethu Zinja (12) ekubuyeni kwakhe esikolweni wathabatha imbiza emnyama yesiXhosa wayihlamba, emva koko wayibeka eziko epheka iRice eyayithengwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa. Esenza oku * -Olwethu nje wayelambile engekatyi, umama wakhe esempangelweni kwalapha elalini.

Lo gama epheka abanye abantwana bangqonge imbiza, bambi behleli egumbini belilisa amehlo lingcume bejonge ukuba iyakuvuthwa nini imbiza.

USinokuhle Zinja (9) wavakala sele ephulukwa esithi : “Xa ndimdala ndifuna ukuba ngutitshala, khon’ ukuze ndizotya kamnandi nam.”

Le ntwazana ikuthetha oku kuba iqhele ukuphiwa ukutya ngootitshala baseMkhundlu JSS.

Emva kokupapasha inqaku ngomhla weshumi elinesibhozo kweyoMsintsi nyakenye, uncedo lwaqala ukuthontela kwaZinja, apho singabalula iityalike ezahlukeneyo eNgqeleni.

Isebe lokuhlaliswa koluntu (human settlements) eMpuma Koloni nalo lasabela, laqala ngokwakha indlu yethutyana lalandelisa ngaleyo ikumgangatho ophezulu esiyibona ngoku.

Ngethuba kusenziwa zonke ezi nquleqhu zokwakhiwa ngokutsha komzi wakwaZinja, uronta walapha obelulala kuwo olu sapho uye wadilika ngenxa yeemvula zehlobo.

Inene ukuba besingakhange siyipapashe imeko yeli khaya, ngebehlala kwizihlobo ngoku.

abongile.ginya@inl.co.za