Lixesha leembuso ezintsha kwi-TV!

Kwiintsukwana ezimbalwa ezigqithileyo, abantu abaliqela bangene kumakhasi onxibelelwano ngelikhupha imbilini yabo ngokungamkeleki kokuqeshwa kweembuso ezinye kwiinkqubo ezohlukeneyo kumabonakude.

Le ncoko idandalazise elubala intlungu yabantu abafundela izakhono ezikumila kunje, abangaqatshelwayo xa bekhangela amathuba engqesho.

UBonang Matheba, Boity Thulo no-Pearl Thusi, ngamanye amagama ekwenziwe ngawo umzekelo. Xa sele kuthethwa inyani, kulithuba noko la magqiyazana siwabona.

Amanye amagama athe abalulwa ukongeza, aquka elikaThando Thabethe, Lerato Kganyago, Nomuzi Mabena, Luthando Shosha, Minnie Dlamini mhlawumbi nelo likaPearl Modiadie.

Oku kwenzeka nakubafana, mhlawumbi hayi ngamaxesha amaninzi. Kunoo-Mo Flava, okanye uSizwe Dhlomo, kodwa kwakufuneka ubakhangele uze ubafumane.

Ngelixa aba bengabasasazi kumabonakude, unomathotholo kwakunye neendima ezithile kwiziganeko ezithile, kungalula ukubasusa kukhangelwe igazi eliselitsha, kodwa inyani yeyokuba bakwenza ngokufanelekileyo oko bakwenzayo.

Kungekudala, ugxa wam uncome uNomuzi Mabena ngendlela entle asingathe ngayo oonondaba kupapasho lwabachongelwe kwiiSouth African Music Awards. Beneqonga elikhulu, kusuku olubi, nolubandayo, ababukeli bebekwimeko engentle, kodwa wenze konke okusemandleni akhe ukubatsala.

Oko kukodwa nje sisakhono. Wakhe wambona uMatheba noThusi besenza usasazo ngqo, kodwa wagqibela nini ukubabona beyishwantshwatha imigca yabo? Mhlawumbi zange, nasekubeni isenzeka kubo, into nayo bayayiqhusheka ukuze ingabonwa.

Ukwenza kakuhle kwabo kuthetha ukuba bayabiza ngokwexabiso, kodwa noxa kunjalo, iinkampani zibonakala zingayinanzanga leyo, ekupheleni kosuku, eyona nto ibalulekileyo kukugqwesa.

Eyona ndawo edinga utshintsho ngumabonakude. Nasekubeni amajelo afana noo-e.tv noMzansi Magic bevelisa imisebenzi edidiyelwe apha ekhaya nje, kodwa kusekuninzi ukuphindwa-phindwa kwabadlali abanye.

Oku ukubona kakuhle xa ubukele iinkqubo ngokulandelelana kwazo. Siyabathanda abadlali bethu ngetalente abanayo kwaye siyabaxhasa, kodwa kufanele kubekho okwenziwayo ngendlela yokubachonga.

Umzekelo ofika engqondweni ngumdlalo iGazi, umdlalo oyidrama omtsha kwiMzansi Magic. Ngumdlalo otsala umdla okhangele icala elimnyama lobugqwirha.

Noxa kunjalo, abanye babadlali abakula mdlalo uZikhona Sodlaka, Thami Mngqolo, Zenande Mfenyane no Anga Makubalo, bonke babuya kwiGenerations. Bathabatha inyathelo elihle lokuphakamela imivuzo yabo ababeyibona iphantsi, kwaye kumnandi ukubabona bebuyele kumabonakude, kodwa ukudlala bonke endaweni enye kwenza umoya ongathandekiyo noko.

Sisabona uMngqolo enguSenzo weGenerations noMfenyane enguNoluntu. Babekhe badibana njengezithandani ngoko kwiGenerations, oku kuyaphinda kuyenzeka kwiGazi.

Kuyafana nokubona uBrooke noRidge besenza esibazi ngako kwiBaywatch okanye kwiNotting Hill. Bangabadlali abaziwayo nabagqwesileyo, kodwa mhlawumbi kumoya wokukhuthaza utshintsho, iqonga eli lidinga ukuvula iinyoba.

Kodwa le nyewe ayiqali iphinde iphelele kubadlali. Kufanele sifunde banzi ngee-arhente ezikhetha abadlali, iinkampani ezivelisa imidlalo kwakunye nokuhlela.

Bonke kufanele bakhangele italente entsha. Umdlalo iSaints & Sinners ikwenzile oko kakuhle, kwaye nabanye kufanele balandele ekhondweni.

Asilibuzi icala letalente, esikuthethayo kunye kokokuba ingqondo nemehlo ziyakhumbula apho simgqibele khona umdlali, ngenxa yemveliso, nangenxa yomdlali, kufanele kubekho okutsha kumabonakude.