Baseseluvalelweni abaqhushumbisi be-ATM eNgqamakhwe

Bazakubuyela ngomhla weshumi elinanye kule nyanga abarhanelwa abahlanu abaphakathi kwamashumi amathathu anesibini (32) ukuya kumashumi amahlanu anesixhenxe (57) ubudala ngezityholo zokuzama ukuqhushumbisa umatshini webhanki wokukhupha imali (ATM) eNgqamakhwe.

OoKhetshe bathi, aba barhanelwa, oku bakwenze ezinzulwini zobusuku kwidolophu yaseNgqamakwe ngosuku lokugqibela kwinyanga ephelileyo baze bathatha isixa semali esingachazwanga. Aba barhanelwa nguAbel Sabelo Taole (57), Phillip Nkosi (32), Zilindile Tabata (34),Moshe Maniki (30) kwakunye noVusumzi Moses Kraai ( 48).

Amalungu ooKhetshe ekunye namapolisa, basabele kulwazi abathe balufumana kubahlali balandelela, babanjwa eMonti abarhanelwa.