Lithande ukuqaqamba nangakumbi ikamva likaMafa Bavuma!

“Andenzanga nto ngokwam, ndinjenje luthando lwabaphulaphuli boMhlobo Wenene fm,’’ lawo ngamazwi kaMafa Bavuma ongumsasazi weenkqubo-ndaba zoMhlobo Wenene FM.

Kaloku uBavuma, usandul’ ukufumana isivumelwano sokuba bubuso bevenkile yeempahla uMarkham.

Encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uBavuma uthi ukutshintsha kobomi bakhe ngesiquphe kuyamothusa.

“Le ngqwalasela ingaka iyandithoba nangakumbi ebantwini, kunjalonje iyandothusa. Ininzi inkxaso endiyifumana ebantwini, ingakumbi abalandela iinkqubo endizenza kunomathotholo,” utshilo.

Simbuza ngokuba ukhethwe njani na yile venkile, uBavuma uthi abalandeli bakhe kumakhasi onxibelelwano ngokunjalo nakunomathotholo ngabo ababangele le ngqwalasela.

“AbakwaMarkham beza kum besithi ngenxa yabalandeli endinabo kumakhasi onxibelelwano bafuna ukundinxibisa. Yabangathi yindlalo kum, kodwa bathi baqinisekile,” utshilo uBavuma ngochulumanco.

UBavuma, nonkaba ekumhlaba waseQhorha kweli phondo leMpuma Koloni, wenze imbadla yokubhiyozela umhla wakhe wokuzalwa kwaLunga, eZwide, eBhayi.

Eli theko lokugqiba ama-34 eminyaka belizinyaswe zizihlobo zakhe, abaphulaphuli kunye noogxa bakhe emsebenzini abaquka uPastor Nozewu, Lulu Haarmans, Sibongile James kunye nabo akunye nabo kwiqela leendaba.

“Kanye emva kweli theko, beze kum abakwaMarkham bathi ‘ngenxa yendlela elizinyaswe ngayo itheko lakho, kunganjani unxibe iimpahla zethu yonke imihla?’

“Andikwazi kulinda ukuvuka yonk’ imihla ndiye emsebenzini ndibukeka ngesinxibo esihle. Ndivuka kakhulu kwezi ntsuku ngenxa yezi mpahla,” utshilo ehleka.

UBavuma uthi eyona nto imenza aqaqambe, kukuzithoba ngamaxesha onke kubalandeli bakhe. “Xa usebenza ngabantu kufuneka ufikeleleke ngamaxesha onke, nokuba imeko yakho injani na ngolo suku, kufuneka ubonakalise ukuzithoba.”

Ukwathethe ngegalelo lakhe kwinkqubo yakusasa yeBhrafkesi (BEE). “IBEE yindawo yokuba ndonwabe, ndihleke, ndibonakalise elinye icala likaMafa phambi kokuba ndingene kwinkqubo yasemini yeendaba.

UBavuma, nokwadize ukuba umatasa-tasa nesidanga seeHonours kwizifundo zolwimi lwesiXhosa kwiYunivesithi yaseNMMU, uthi usonwabile eMpuma Koloni, akakaziboni efudukela kwamanye amaphondo.

UBavuma okwangumbhexeshi wamatheko aliqela, uthe iyamothusa indlela amkelwa ngayo ngabantu.

“Ukuphuma kwindawana efana neQhorha encinane, ndandingazi ukuba ubomi bam buzakuguquka ngesiquphe, ndifumane nothando olungaka.”

UBavuma wenza inkqubo-ndaba uZibuzwa Kuthi kuMhlobo Wenene fm, kwaye ukwangumdidiyeli wezinye iinkqubo ndaba zela jelo.